Jump to content

Zolani mkiva

Livela

UZolani Mkiva yimbongi yomthonyama, iLungu lePalamente, nowayesakuba yiMbongi yoMongameli ongasekhoyo, uNelson Mandela. Liqongqolo lomthonyama wooGcwanini, ooMiya, ooSbewu, nenzalelwane yaseBholothwa, enye yeelali zaseDutywa, eMpuma Koloni. Lo kaMkiva ukhulele kwikhaya lamaciko namacaluza acimba, acivothe kuvokotheke, nawathi amqaphula, amhlikihla ngomhlabelo wokubonga. Phakathi kwabantu ababalulayo ekumfakeni iintlanga zokubonga ngukhokho wakhe, ongasekhoyo uPauzen Jacula Mkiva, nowayeyimbongi, umlondolozimbali, netshantliziyo lomzabalazo. UMkiva umzoba njengoyena waqoqa, wakhulisa isakhono sakhe sokubonga. Ukwakhankanya notatomncinci wakhe, uKhaya Mkiva, awayemana emkhapha xa esiya kumatheko amenyelwe ukubonga kuwo. Ukuhamba nokuphawula utatomncinci wakhe kwamkhokelela ekubongeni okokuqala esidlangalaleni eneminyaka elithoba.

Kananjalo, uMkiva ukhankanya notata wakhe, uGwebindlala Mkiva, namzoba njengomntu "oliciko lokuthetha, esebenzisa izafobe nezangotshe zeembongi, kodwa ebengazange ade abe uyimbongi ngokwakhe" (Mkiva, 2018). Xa uphulaphule isihobe sikaMkiva, uva uncuthu mazangwa lwesigama esityebileyo, nesidakanca kudundubale oku kweqanda leseme oko athetha ngako, esebenzisa ezo zafobe nezangotshe awakhuliselwa kuzo ngutata wakhe xa ethetha.

NgokukaMakhenyane (2015; 2020), isihobe sikaMkiva sishukuxa imiba etshisa ibunzi nesemdleni wesizwe ngokubanzi. UMakhenyane (Ibid.) usihlalutye isihobe sikaMkiva phantsi kweengcingambono ezintathu: isihobe esinkqangiyelela inguqu kwimiba yentlalo, yopolitiko, yentlalo neyenkcubeko; isihobe esiphenjelelwa ngumoya wobuthandazwe, nalapho atyityimba ngezachola zesizwe samaXhosa nezeAfrika ngokubanzi, esazisa iAfrika njengelizwe elinye, hayi ilizwekazi elinamazwe amaninzi; isihobe esimumathe ibali lomzabalazo, apho avuma izango zeengoma, eqhwabela iizandla iinkokheli ezazibalula ngokuzabalazela inkululeko yoMzantsi Afrika neyeAfrika ngeenjongo zokuntlantlatha amadolo iinkokheli zanamhlanje, ekwatsalela umdla wesizwe kumzabalazo omtsha weli xesha lirhorhozela ezithendeni zobandlululo.