Uxam waphusile

Livela

eli qhalo asiliqondi ncam eyonanto lithatyathelwe kuyo. kodwa kuthiwa ngabaziyo le nto inguxam asiyo nento ububele xa ingumdlezana. Into yasemaJwarheni, uNonkobe into kaJiyelwa, ibihlale ilinganisa ukulila kukaxam, ngogwali lwayo, xa alilisela, eteketisa amathole akhe. Ubesakuthi ke uthi khona angaphusa kulumeze amenyo ukuwabukula kwakhe, awasukele awalume kakubi xa awalumlayo, asel'ewaphusela. Yenye ke leyo indawo efan'ukuba indulule eliqhalo, noko zikhoyo nezinye iindawo ezizimbi. Ukuze libekho eli qhalo libangwe kukuba athi umntu, ebekuzuzwa kuye izinto, busulu, asuk'atshintshe, aselefunyanwa eyintsibakhwe namhla elugqwegqwelele, kuthiwe ke ngaye, xa kuxelelwa abanye,:-"E! senibuya, uxam waphusile."