User:RendaniM

Livela

Igama: Nontetha Isibongo: Nkwenkwe
Umhla wokuzalwa: 1875
Umhla wokufa: 1935
UNontetha Nkwenkwe ngomnye weenkokheli zokholo eziphawulekayo zamabhinqa ezazinxumelene neenkonzo ezazizimele ngoo1920. Uzalwe eQonce ngo1875. UNontetha wayetshatile enabantwana abalishumi. Umyeni wakhe owayengumsebenzi womfuduki wasweleka, wamshiya kwafuneka ezibele abantwana bakhe. Ukuvela kokuqhekeka kwesifo somkhuhlane ngo1918, uNontetha wayekholelwa ukuba usindiselwe injongo ethile. Ukuthabatha kwakhe umsebenzi wokubayimboni, umtyhili, nomprofeti kwabutshintsha ubomi bakhe ngendlela ephawulekayo.
Ekuqaleni uNontetha wamkelwa ngabasemagunyeni engafani nabanye oogxa bakhe abalandelayo kumaxa alandelayo abangamadoda nje ngo[Mgijima]. Enye into abasemagunyeni bamamkela kuba beqonda ukuba intshumayelo yakhe yayingokukhuthaza ebandleni ukuba liyeke utywala, ukudanisa kwa kunye nokwenza ezinye izinto ezidibene nezithethe nemveli. Ngoku yekwa ngabasemagunyeni umbutho kaNontetha wakhula ngokukhawuleza emaphandleni ase[[1]], e[[2]], eMiddledrift naseQonce.
Emveni kwencitho gazi yama-Afrika akwaSirayeli eBulhoek ngo1921, iingqondo zabantu abaMhlophe ngazo zonke iindibano zabantu abamnyama zazikrokra. Amagosa banika ingxelo ethi abasebenzi basezifama zaseBhofolo (kufuphi naseFort Hare) "babebaseleke ngumyalezo wakhe kwaye bengafuni ukubuyela emsebenzini" (UEdgar. R, noSaphire. H, 1999).
UNontetha wayekrokrelwa ukuba ukhuthaza umanyano phakathi kwabafundileyo nabangafundanga okanye 'ababomvu' baseMpuma Koloni. Iingxabano phakathi kwalamaqela mabini ngelixeshazazingafikeleleki kwaye zineziphumo ezingazinzisiyo kummantla wonke. Abasemagunyeni bazamkela ezingxabano neengquzulwano kwaye isenokwenzeka ukuba zaziqalwe ngabo. UNontetha wayebonwa nje ngomphazamisi kulawulo lwezentlalo ngoko ke kunyanzelekile ukuba enciphiswe. Baye baqhubeka ngokumtyhola ngokukhuthaza ama-Afrika ukuba bayeke iinkonzo zabaMhlophe. Wayebonwa eguqukile ngoku kwaye wabanjwa ngo1922(UEdgar. R noSaphire. H, 1999).
Ukubanjwa kukaNontetha kwabacapukisa abaxhasi bakhe. Ekuboniseni umanyano, amakhulu babaxhasi bakhe badibana, belungele ukuthetha nabasemagunyeni kwisiganeko sokubanjwa kweqhawekazi labo. Babesazi ngenxaki enokwenzeka ukuba angavela enkundleni yamatyala abasemagunyeni ngoko ke bamthumela esibhedlele sabagula ngengqonde eBhofolo uNontetha kwaye ngo1924 bamtshintshela eWeskoppies asylum ePitoli. Emva kweminyaka emibini ngo1926, kuthe cwaka ngokuba isiphuma sakhe sizakuthini abaxhasi bakhe bahamba 1600 mayile ukuyombona kodwa babanjwa bagwetywa phantsi komthetho wedompass.