Jump to content

Unyawo alunampumlo

Livela

Eli qhalo libhekiswa kubantu abanomkhwa ombi wokugxotha abahambi emizini yabo. Kuthethwa ukuba umntu makabaphathe kakuhle abantu, kuba akazi apho unyawo lwakhe luyakumkhokelela khona ngenye imini—lunokumsa kulya mntu wamgxothayo.

Umzekelo wokusetyenziswa

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
  • "Njengokuba usigxotha nje emzini wakho, unyawo lona alunamphumlo, mhla wumbi woze uhlwelwe kweyethu imizi."