Umkhondo wamaGqunukhwebe

Livela
Ngokubhalwe ngu-W. W. G.J

Kuthiwa uLangana, unyana omncinane kaDebe, waazimela kowabo emaGqunukhwebeni, weza kukhonza kule ndlu kaTshawe, ngeemini zikaTshiwo.

Wamkelwa, wabusa, wanobuphakathi kwakuTshiwo apho.

Wazekelwa umfazi nguTshiwo, waza wazala uKwáne oyintanga kaRharhabe. Waathi kuba ngelo xesha uPhalo ubesika kunene abantu, waba lelinye lamagosa anikelwa abantu abangamagqwirha ukuba basikwe.

Kuthiwa kuthe ngexesha uPhalo ebemi eNxarhuni apha, kwafika abantu abasuswa nguGcaleka ukuzakuhlaba umkhosi kuPhalo noRharhabe ukuba umzi umanyonywana nguNgqosini, inkosi yamaGqwashe, namagwangqa, kwanamaNgqosini. Loo nkosi yileya yayikhe yalwa noKhanzi, mzuzu, ngophondo lwendlovu, besebancinane uRharhabe noKwáne. Namhla yavukela uGcaleka, owathi yena waza kuhlaba umkhosi kuyise, nasekunene kuRharhabe, umninawe wakhe. uPhalo uyihlanganisile eyakhe (Umnqhalasi) eyona ilixhiba, baza bathi ke uKwáne noGaba inkosana ebikwakhonza kuPhalo, iligosa nayo lokusika abantu, bathi ukuvela kwabo bavela namahlathi ezimpi ezikholise ngaba bantu kwakuthiwe mabasikwe bayathakatha.

Kuthiwa waathi akubona loo nto uPhalo wasel'ebamisela ebukhosini, wabanikela indwe yaloo mabandla bawaphetheyo, wabanxiba ubuhlalu (intsimbi) ukuba bawathethe bawagqibe amatyala, (noko awokubhena ebeyakuya kuye wona nakuRharhabe) ize nayo yonke iminikelo ebisenziwa komkhulu enje ngokwindla (ulibo), uvalo lwemvubu, isifuba sempofu, izintsu zengwe, indwe, inamba, izizi, bazamkele.

Waagqibela ngelizwi elithi kubo,-"Ize nibinze nakumukuba ndinonile. Wayethetha ke ukuthi amaGqunukhwebe namaNgqosini angabinza kooRharhabe noGcaleka, oonyana bakhe abakhulu. Yiyo ke le ndawo wade wamthimba wambamba uRharhabe ngakwelaa hlathi likaNxele, ukuze ade aphuthunywe nguKibiko omnye woonyana bakhe.

UMNOMBO KADEBE

Kuthiwa uDebe waazala uLangana, waza uLangana wazala uKwáne. UKwáne ke kuthiwa uzele uTyarha noBhabha intombi. Abanye bathi uKwáne waazala uGqunukhwebe, oyena waazala uTyarha. Asiyazi ke eyona nyaniso ukuba yiyiphi na. Utyarha uzele UTshaka. UTshaka wazala uChungwa inkulu, noNxashe ozele uMbini, ozele uGqamana ekunene. UChungwa uzele uPhatho inkulu, noKobe noHina abamaqadi endlu enkulu kwanoToni noNyengana. Kwelinye iqadi kwale ndlu enkulu kuzelwe uSitu, ozele uHobeni, ozele uMomo, noBhadi ekunene. UMomo uzele uZondani. Kwiqadi lakuloBhadi kuzelwe uNkuntsu, ozele uKhulu, ozele uKilasi, ozele uMdyogolo. UBhadi uzele uManana, Thembani, noDyemane ekunene. UManana uzele uFrank, Daniel, Maya, noSamuel. UThembani uzele uNtanti, noSonamzi. UZondani wazala amankazana odwa. Igama lenkabi kaChungwa yomzi omkhulu nguNxwála. Ekunene uChungwa uzele uKama. Kwiqadi lasekunene uzele umama ozele uMbúlwana (James)noBoyce Mama. UJames Mama uzele uLot, noWilliam, noHolford, nabanye. UBoyce Mama uzele uShadrach, James, nabanye.

UPhato uzele uDilima inkulu, noMate ekunene, noYongama ixhiba. Udilima uzele uNamba. UMate uzele uMkhonzi. UKobe uzele uKatikati kwindlu enkulu, noDyani, noMqali; ekunene wazala uKosani. UKosani uzele uKalikeni inkulu, nabanye. UKama uzele uMani (Samuel) inkulu, noXhanti (William Shaw), noMzinana (John Wesley). UMani uzele uLuthuli nabanye. UHina uzele uSampu kwindlu enkulu, noSentile noFeni. Ekunene uzele uJayi noNalo. UToni uzele uTapolisi nabanye. Buninzi ke obunye ubukhosana obukhoyo emaGqunukhwebeni.

IVELA NGQANGI KACHUNGWA

Imvela ngqangi kaChungwa nguKobe, umfo okhe wawuphatha kakuhle wonke lo mzi wasemaGqunukhwebeni emva kokubhubha kukaChungwa. Kuthiwangumfo ebenamaci amahle okuwuphatha umzi, owathi wabaphatha kakuhle abantwana bakayise uPato noKama. Yinkosi ebithandwa kunene ngamaGqunukhwebe. Kuvakala ukuba maninzi amaGqunukhwebe awasalayo kuye, akaya noKama eTala. NguSampu unyana omkhulu kaHina , inkosi yaseMxumbu, owaya noKama eTala. Waanyamezela wahlala noKama lowo, wada noKama wamzekela intombi kaDwane inkosazana yakwaNtinde.

UPHATO INKULU

UPhato intw'enkulu kaChungwa yinkosi ebithandwa kahulu emaGqunukhwebeni. Asinkosi ibikholisa ngakulala ingene ingakuRhulumente kwezi mfazwe zonke bezisiliwa. Yinkosi ebiligorha, eliciko, ebisithi icala ebambe kulo kwezi mfazwe ibambe kalukhuni kude kumamaniseke.

UKAMA UKUNENE

Ukama yinkosi ebizolile, ibabekile ibathanda abantu bakowayo. Ide yafun'ukugubungela ngodumo nangesithozela, ngangokude uninzi lwabantu, abalunge kuPhato, babuse kuye iminyaka emininzi, engenzi khethe ekubaphatheni kuba belunge kwenye inkosi. Ithe eyona nto yambangela ngakumbi udumo yaba kukwamkela ilizwi likaThixo ngomxhelo nangenyaniso. Waasikeleleka kunene, wabekwa wahlonelwa kakhulu nasebukhweni bakhe kwaRharhabe. Akavumanga ukuzeka isithembu, wayigxotha nentombi kaMdutshane awayeyiganelwa ngamakowabo. Ityala lokuyigxotha laagwetywa nguMaqoma iciko elikhulu wathi, -"Ngubani na noThixo kaKama, uThixo odale bonke ubukhosi obukhoyo; yena (Maqoma) ezalwa nguNgqika nje, akanamandla okumphikisa uThixo kaKama."