Umbhiyozo Wosuku Lwamanina
Umbhiyozo Wosuku Lwamanina usuku lwesithoba kwinyanga yeThupha (09 August) lusuku olukhulu eMzantsi Africa apho kubhiyozelwa ubugorhakazi nobunkokheli bamanina oMzantsi Afrika athi azijula ijacu enza umngcelele ukuya kwi Union Buildings besilwela umthetho we Dompasi. Oku kwenzeka ngexesha lobandlululo apho amanina eli loMzantsi Afrika ayengavunyelwa ukuba ahamba-hambe okanye atsibe imida ukuya kwezinye izixeko engaphethanga Dompasi. Lo ibingumthetho ka Rhulumente wengcinezelo weloxesha. Amagorhakazi awayekhokele lomngcelele aquka u Mama u Lilian Ngoyi, Helen Joseph, Sophia Williams- De Bruyn kunye no Rahima Moosa nabanye. Oku kwenzeka ngonyaka ka 1956, apho amanina ayedikwe yiyokosa yimithetho ka Rhulumente wobandlululo othe gqolo ukubaphathisa okwamakheswa ngamapolisa angenamfefe. La magorhakazi eenkokheli akhupha uxwebu ebika intlungu yabo kunye neemfuno zabo ku rhulumente. Oluxwebhu lulo olusisikhumbuzo sentlungu yalomhla kunye nobukroti bamanina oMzantsi Afrika.[1] Lufundeka ngoluhlobo:
"Thina bafazi boMzantsi Afrika sifikile namhlanje. Thina bafazi baseAfrika siwazi kakuhle umphumo walo mthetho kumakhaya ethu, kubantwana bethu. Thina, bafaki base Afrika siyayazi indlela oodade wethu abasokola ngayo. Kuthi, ukuthukwa kwabasetyhini base Afrika sisithuko kubo bonke abafazi.
Ukuba amakhaya aya kuqhekezwa xa abafazi bebanjwa phantsi kwemithetho yamapasi.
Ukuba amabhinqa namantombazana aselula ayakuba kanti isidima sabo sithotyiwe ezandleni zamapolisa.
Ukuba abafazi baya kuphulukana nelungelo labo lokuhamba ngokukhululekileyo ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye.
Thina, bavoti nabangavoti, simemelela urhulumente wenu ukuba angawaniki amapasi amaAfrika. Asiyi kuxhathisa side sizuzele abantwana bethu amalungelo abo asisiseko senkululeko, ubulungisa kunye nokhuseleko".[2]
— Inikelwe kwiNkulumbuso uJ.G. Strijdom, 9 August 1956.
Abembi belizwe lo Mzantsi Afrika namanina asakhulayo ayabulela kakhulu ngokulwela ubulungisa, inene le nkululeko yeza ngeenyembezi, ubukroti, nobunkokheli benene. Oomama baka 1956 balinika ithemba ilizwe lo Mzantsi Afrika ukuba ngenye imini singanayo inkokheli elinina enokulikhokela elilizwe. Ngoko ke kukuni lutsha lo Mzantsi Afrika ukuba nihamba ekhondweni okanye niyawuyeka ucime lo mzila. ~Lusanda Madikane, 2024.
iReference
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Women’s day: Wathinta abafazi wathita imbokodo - LNN" The Witness (in en-US) retrieved 2024-08-08
- ↑ "The 1956 Women’s March, Pretoria, 9 August | South African History Online" www.sahistory.org.za retrieved 2024-08-08