Ukwenda

Livela

Umntu owendayo yintombi. Luxanduva olungummangaliso ukwenda kwe ntombi.

Okokuqala nje xa sithetha ngokubonwa kwentombi yomntu yindoda efuna ukuthatha umfazi, okanye xa kuthethwa ngokwenda kwentombi isendela mzini uthile, eyona nto ibalulekileyo bubuhlobo obakhekayo phakathi kwekhaya lentombi ebonelwa ukwenda nekhaya lendoda le ebone le ntombi njengomfazi wayo. Qaphela ke xa sithetha ngekhaya kwaNtu asithethi ngeendonga, iifestile kunye nophahla kuphela, sithetha ngabo bonke abantu abaphantsi kwesiduko esinye. Umzekelo xa intombi yasemaBheleni ibonwe ngumfo wasemaTolweni, ubuhlobo budalekile kuye wonke umntu wezi ziduko zombini. Nokokuba wena Tolo udibana nomnye umntu ongamaziyo nditsho sele niphesheya kweelwandle, akuthi uliBhele, ngumntu wasebukhweni bakho lowo, nawe ntombi ngokunjalo, ngumntu wasemzini wakho lowo. Wena ntombi eyendele kulo mzi kufuneka wazi okokuba obu buhlobo bukhuselwe bakhiwa nguwe. Obu buhlobo bunciphisa kanobom ubutshaba phakathi komzi omnyama.

Okwesibini, eli siko alithathwa kancinane kwaNtu kuba litshayelela ukuza kwemiphefumlo.Umphefumlo ke ngowomDali. Le miphefumlo ke ithwalwa yile ntombi ezekwenda ekhapha.

Ukwenda kuxa intombi yasemzini isiya kuqinisa ubuhlobo phakathi kwekhaya layo naloo mzi yendele kuyo. Xa yendile ke le ntombi yandisa usapho lwalo mzi yendele kuwo ngokuzala, ngokusombulula ingxaki nangokujongana neentsapho, nditsho nezinja zalo mzi yendele kuwo le ntombi.