Ukuthabatha

Livela
"5 − 2 = 3" (Xa sikubeka ngamazwi oku singathi "kuphungulwe zambini ii-apile kwezintlanu kwasala zantathu.")
Nanku umzekelo wokuthabatha okanye umzekelo wale problem


Ukuphungula kukusebenza kwe-arithmetika ukuze kufunyanwe umahluko phakathi kwamanani amabini. Amagama amanani abekelwe bucala xa kusetyenziswa intetho yokuphungula ngala, i-minuend - ne-subtrahend = umahluko. Le ntetho ithi 7 - 4 = 3 ingathethwa ngolu hlobo "kwisixhenxe siphungule isine kushiyeka isithathu," "xa sinesixhenxe ze sithabathe isine kushiyeka isithathu," okanye "isine kwisixhenxe kushiyeka isithathu."

Ukuba ngaba eli nani kuthatyathwa kulo lincinane kunelo lithatyathwayo, umahluko uyakuba linani elingekhoyo. umzekelo, 17 - 25 = ( -8 ). Singakubeka ngolu hlobo oku, "xa kwishumi elinesixhenxe sithabatha okanye siphungula amashumi amabini anantlanu kushiyeka isibhozo." Le yindlela abasebenza ngayo abantu abasebenza ngeethili yemali nabayibona ngayo itshintshi omelwe kukuyifumana wena mthengi xa ubhatala ngemali eninzi kuneendleko ozichithe kwimpahla leyo oyithengileyo.

Amanye amaphepha anxulumene neli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]


Template:Math-stub