Jump to content

Ukuguqulela uncwadi lwabantwana

Livela

Ukuguqulela uncwadi lwabantwana ngumsebenzi odinga izakhono ezingundoqo ezibini, ubungcali kuguqulelo kunye nobugcisa bobubhali. Loo nto itsho ikwenze umguquleli ongumbhali, esinokuthi ngumguqulelimbhali. Xa uguqulelela abantwana awahlukanga kumbhaleli wabo. Kaloku kufuneka ungene ezihlangwini zabantwana, ube ngumntwana nawe, ukuze ubhale ngendlela abaya kukonwabela ukuyifunda abantwana. Izinto ezibalulekileyo ekufuneka uzijonge:

  • Ulwimi olusebenzisayo: Malube lula ngokwaneleyo ukuba abantwana bangasokoli xa befunda oko ukubhalileyo
  • Ukunika umdla: Imbalo yakho mayinike umdla, ukuze abantwana basoloko benxunele ukuqhubeka nokuyifunda
  • Imfundiso elingene abantwana: Imfundiso mayifanele inqanaba lokukhula labo bantwana ujonge ukuba babe ngabafundi bencwadi yakho.