UNongqawuse

Livela

Eli libali elikwingqokolela yamabali esiXhosa eyenziwa ngu-W.B. Rhubusana yaza yapapashwa ngo-1906. URhubusana wayengumFundisi wehlelo laseRhabe ngoko. Ngenxa yokokuba ibhalwe ngombhalo wamandulo (Previous Standard Orthography)ongenakuqondwa ngokupheleleyo ngabantu banamhlanje, apha kwenziwa iinzame zokokuba ibhalwe ngohlobo olunokuqondwa ngcono. Zingakho ke iziphene apha emibhalweni, singazilungisa lula apha kwi-Wikipedia.

ESONA SIZATHU SOKUXHELWA KWEENKOMO NGONONGQAWUSE[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

KwaGcaleka, eziThenjini, kwesikaMnzabele ngomnyaka we-1856, amantombazana amabini, aahamba aya kulinda iintaka emasimini, igama lentombazana yokuqala yayinguNongqawuse intokazi kaMhlakaza, ihamba kunye nenye eyayingumtshana. Aathi akufika emlanjeni ekuthiwa kuseKhamangeni, kwafika amadoda amabini kuwo, athi, "Maze nisibulisele emakhaya nithi singoonantsi" (atsho akaxela amagama awo). Amagama azibiza ngawo laa madoda asuka angamagama abantu abafa kudala. Athe, "Noxela ukuba umzi uza kuvuka wonke ekufeni, zenithi neenkomo ezi zikhoyo mazixhelwe zonke kuba zifuywe ngezandla ezingcolileyo, kuba abantu baphethe ubuthi."

"Ize nithi makungalinywa, makumbiwe izisele ezikhulu ezitsha, kwakhiwe nezindlu ezikwantsha; kubiywe iingqili ezinkulu zeentlanti, kusikwe iintsuba, kulukwe neengcango ''zobuka'' zibe ninzi. Abantu mababulahle ngokwabo ubuthi, bangade bambululwe ngamagqirha. Zenitsho kubo nithi zitsho njalo iinkosi uNaphakade into kaSifubasibanzi."

Athi akufika ekhaya amantombazana aziphalaza ezi indaba, ngelishwa abazange baphulaphulwe okanye bamanyelwe mntu. Kwasuka kwahlekiswa ngawo laa mantombazana. Ngakusa baphindela ekuphangeleni iintaka. Kwalile ethubeni, babuya bafika aba bantu, babuza okokuba babaxelele na abantu ekhaya, nokuba kufike kwathiwani na? Aaxela amantombazana okokuba loo nto ifike yayinto yokuhlekisa, ayaphulaphulwa mntu. Kusuke kwathiwa ngabantu sithetha iintsomi. Le nto yayikhe yehla echwebeni leGxarha kwaGcaleka.

La madoda athi, ize nithi kubantu abakhulu mababize zonke iinkosi zakwaGcaleka, zakwaThatho, zakwaGqika, nezasemaGqunukhwebeni, bayixele kuzo le nto. Kuse uMhlakaza namanye amadoda besiya emasimini ngelifuna ukuba la madoda athethe nabo, asuka la madoda akavela. Amana ethetha, engabonakali, eviwa nguNongqawuse nentombazana leyo kuphela, waye uNongqawuse emana etolikela amadoda lawo into ethethwa kuye zezo zithunzela. Zathi, "Xelela amadoda lawo ukuba aye kuhlanganisa iinkosi, eze nazo kuthi apha ukuze sivele."

Kuyiwe ke komkhulu kwaRhili, eHohita, kuloGojela kwabikwa esi simanga sixelwa yintombazana yakwaMhlakaza. URhili ususe uBhotomani, inkosana, ukuba ikhe iye kuyiqonda le nto ngokwayo. Uthe akufika apho, la madoda akavela tu. URhili ususe izigijimi zokuya kubika enkosini, ukuba kukho abantu abaviwe yintombazana kaMhlakaza besithi makubizwe zonke iinkosi zize kuhlangana neyabo inkosi uNaphakade kaSifubasibanzi echwebeni leGxarha.

KwaThatho kwesuswa uMarhamnco into kaFadana ihamba noShwele into kaZozi. KuMandungwana kususwe uDlulaze into kaQhwesha ezalana noNdarhala. KumaTshutshu kususwe uMpheke into yaseMamfeneni. KwaNgqika kwasuswa uNamba into enkulu kaMaqoma. KwaGcaleka yaba nguRhili noLindinxiwa iinto zikaHintsa, noNgubo into kaMalashe, noNxito iinto zikaLutshaba. KwaNdlambe kwesuswa uNowawe into kaPhatho. Yonke loo mpi yaasinga eGxarha kwaMhlakaza.

Kufikiwe khona ithe intetho, uthi unongqawuse impi mayihlelwe eya kuya nchwebeni elo leGxarha, ize loo mpi iyayo ikholise ngeenkosi. Okunene kweenziwa njalo. Kwathi kuba abantu benendawo enoloyiko, bathi xa kanye baya kuloo mfula wekhamangabasuka boma imiqala, banonxano, baye bekhokhelwe nguNongqawuse enze izazobe ngembola. Bavakele abanxaniweyo besithi, -"Angasela na umntu onxaniweyo? Uthe unongqawuse,-"Osukuba engenabo ubuthi angasela angoyikeli nto."

Yesuka apho into kaPhato, uDilima igorha elikhulu, wayithi tya phaya ingubo yakhe wanqwila wasela. Awa ngokuwa amabandla kaNomagwayi easeMbo.

Umbono owehlayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kuthe kusenjalo kwavakala kudilika amatye amakhulu eweni elisemantloko eKhamanga, asuka amadoda afakana imilomo, aye esoyika nokoyika ukungathi kukho nto iza kuqhuqhumba kweli liwa. Bathe besathe nqadalala yiloo nto yavakala intombazana isithi, "Khanibhekise amehlo enu elwandle "-Bathe bakuqwalasela emanzin'olwandle, kwanga kukho abantu okunene, kwanga kukhonya neenkunzi zeenkomo, kwaneenkabi, yasisibaba esimnyama esimana sibuyabuya sada sabuya semka, saya kutshonela kwaselundini phaya lwamaza olwandle; baqala ke bakholwa bonke abantu.

Intetho Yesibiba[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Loo mkhosi uselwandle awudange uphume usondele ezinkosini ezo, nentetho yawo ayizange iviwe mntu ngaphandle koNongqawuse. uthe ke wakumka, wathi uNongqawuse-"Iinkosi eziya zithi, godukani niye kuxhela zonke iinkomo, kungabikho nto niyifuyayo iziinkomo, ukuze uvuko lukhawuleze. Ze ningalimi, yimbani izisele ezikhulu nezitsha, niyakubona sezigcwele kukutya okutsha. Yakhani izindlu ezintsha, nenze iingcango ezininzi ngobuka, nize nizivalele ezindlwini, kuba ngosuku lwesibhozo, mhla uzayo umzi nenkosi uNaphakade kaSifuba-Sibanzi, zonke izilo zehlabathi nezemilambo, neenyoka, ziyakuba zizibhadu-bhadu kulo lonke ilizwe. Ize kanjalo nikudimbaze/nikubize ukutya okuseziseleni niye kukulahla. Ukuze nisinde ize nivale ngeengcango ezininzi, niqamangele ukubophelela nilahle bonke ubuthi."

Enye iNkosi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uthe kukho nenye inkosi, ekhwela kwihashe elingwevu, egama linguNgwevu, elinye nguSathana, wonke umntu ongazixhelanga zonke iinkomo zakhe uyakuba ngumntu waloo nkosi inguSathana. Loo mntu akayi kububona ubungcwalisa beyethu inkosi uNaphakade kaSifuba-Sibanzi. Naso ke esona sizathu esabangela okokuba zixhelwe iinkomo ngo-1856 de kwangu-1857.

Ukuvela kukaNonkosi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kuthe kusenjalo kwavela enye intombaza kaNkwitshi intwazana yaseMakhwemteni, kwaNdlambe, ngaseMpongo, egama linguNonkosi. intetho yayo yayiyenye nekaNongqawuse. Ibithatha abantu ibase echibini elaliseMpongo. Babesithi bakufika apho suke babone abakhwetha betshila kuloo manzi echibi. Babesiva ngathi kubethwa ingqongqo, kubengathi kuvunywa nemiyiyizelo, kusombelelwa abo abakhwetha. Abantu baahiliteka bade bathi babone neempondo zeenkomo zivelile, bakuva nokunxakama kweendlezana zeenkomo, nokukhonkotha kwezinja, nokumemelela kwabasengi.

umthetho wenkosi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Zithe ke iinkosi zakuba zibuyele ngeendawo zazo, zafika zabutha okanye zaqokolela amaphakathi zayishumayela le nto yokuvuka kwamanyange, namhla sel'ematsha, nokuvuka kwazo zonke iinkomo eziya kuxhelwa nezafa kudala.

Wayethe uNongqawuse aze athi umntu othe wayixhela, wayenza isimawusi inkomo yakhe, awuqashe umphefumlo wayo, ukuze ithi mhla yavuka ivukele yena, ibe yeyakhe. Waahambisa wathi bonke abangaxhelanga bayakuphephetheka sisaqhwithi esikhulu baye kweyela elwandle.

Ukwahlulelana komzi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umzi wathi qwenge kubini, omnye wakubhebhetha kwaphela ukuxhela iinkomo zawo. Nangona wawukholwa kwinto yokokuba uvuko olo lwabafileyo luya kuze lona lubekho, kodwa wawuyikhaba ngazo zombini intetho engovuko lweenkomo ezifileyo, usithi soze lubekho. Kwaabonakala kusahlukana ooyise noonyana, oonyana bendoda enye, inkosi nabantu bayo, imizalwana nemizalwana. Kwatsho kwavela amagama amabini, ala macala omabini. Abanye kwathiwa ngamaThamba, oko kukuthi ngamagqobhoka kaNongqawuse; abanye kwathiwa ngamaGogotya, oko kukuthi abemi ngongqame,abangavumiyo ukuyenza into, abangavumiyo ukuxhela. Baaxhela ke abanye, baze abanye abaxhela.

Usuku lwesibhozo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwaba bubutyididi ke kuxhelwa ezo nkomo imihla nezolo, abanye bexhela kuba besoyika ukubulawa nokunukwa, lwaye uninzi lwaluse lungamafaca kukulamba, seluphila ngeempontsha kuphela. Kwaqalwa kwaqwalaselwa usuku lwesibhozo. Kaloku kwakuthiwe ngolu suku, ilanga liyakuze liphume libomvu, lize libuye litshome lompi kwasesibhakabhakeni. Emva koko kuyakubakho ubumnyama obummangaliso abayakuthi abantu bazivalele ezindlwini ngabo, baze baqale ke abantu bavuke beze ekhaya, liqale ke libuye ligabuke. Yathi yakufika loo mini kad'ixelwa, laphuma ilanga njengesiqhelo, abanye sebehlambe amehlo ngamanz'olwandle kwaGompo, abanye bevele ngezikroba ezindlwini, abanye abangakholwayo besenza imisebenzi yabo yesiqhelo phandle. Tu kunani khona akuzange kubekho nto ihlayo, alatshona nelanga, akwabikho mntu uvukayo, akwabikho nto yenzekayo kuzo zonke ezo zinto zazithethiwe. Sabanjalo ke isiyikili sikaNongqawuse, bafa kakhulu abantu yindlala, kunqina nasisifo. Kumhla kwaqala iqhalo elithi ''Uthetha uNongqawuse", lithetha ukuthi umntu okuxelela into esisimanga.

Ibhalwe ngu-Gqoba, W. W. Isizathu sokuxhelwa kweenkomo ngoNongqawuse. WB Rubusana, Zemk’Inkomo Magwalandini, 139-41.