UNokhonya into kaNyanga

Livela

Ngu-W.K.N

Bekunga ulutsha lwakowethu lungayifunda lude luyiqonde, kanti mhlawumbi lungathungulula luwazi amaqhinga okuphumelela kuyo le ntlango yobu bomi.

Ngemihla kaNgqika, phakathi kwengcobo yephakathi ebelibusa, ubungafika ubone into eyenziwe isihlambezo, egama belinguNokhonya into kaNyanga. Bekusithi kwakuxhelwa ayithuthe yonke loo nyama, ayise kwiindawo ngeendawo zayo, aman'ukufuthafutheka epheka isifuba, kanti namanzi laa uyakuzikhelela ngokwakhe. Yeema ke loo nto imi, wade waxola naye ekubonakaleni kwakhe esenza loo duntsu-duntsu akakhathala.

Bekusithi xa kubuthiwe, athi kuba uNgqika ibingumfo onamagcigala, ambize u-Nokhonya, athi makathiwe gaxa ngokhakhayi lwenkomo entloko, aze aye kuhlala ezantsi ebuhlanti; abiz'izinja zakhe ke uNgqika, azifunze kuye, isuke ibe ngamawawa ke! Ubesithi akuqonda ukuba zizakumbamba, asuke athi rhabi ngaphaya kothango, zibe ke sezisenza umrharharha ephakathini elililo. Wahlala ke uNokhonya kuloo meko injalo ebusa akemka komkhulu.