UMarvin Gay Sr

Livela

umFundisi uMarvin Pentz Gayes Sr. (wazalwa ngomhla woku-1 kweyeDwarha ngo1914 – waza wasweleka ngomhla we-10 kwakweyeDwarha ngo1998) wayengumfundisi waseMelika phantsi kwebandla leHouse of God. Waye enguyise wegcisa lomculo laseMelika elalishicilela umculo uMarvin Gaye waza waduma kakubi emva kokumdubula ambulale unyana wakhe lo ngomhla woku-1 kwinyanga kaTshazimpuzi ngo1984, emva koxambuliswano olwalukwikhaya lakhe eLos Angeles.

Eselula[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UMarvin Gay ungumntwana weshumi elinesihlanu kuGeorge nakuMamie Gay wazalwa ngomhla woku-1 kweyeDwarha ngo914 kwifama enxuse induli ekuthiwa yiCatnip eJessamine County, eKentucky waza wakhuliswa eLexington. [1] Ngokutsho kwenkosikazi yakhe, uAlberta, ubomi bosapho lwakwaGay babusoloko buzele ubundlobongela obubandakanya amatyeli ngamatyeli ilikhaya lokuxhatshazwa nokuphatheka kakubi kwanodubulwano. "AbakwaGay besilwa bodwa, yamxelela njalo le nkosikazi umbhali ong uDavid Ritz. Esengumntwana uGay, wayesiya nonina kwicawa yamaPentecosti, kwibandla leHouse of God. UGay wafudukela eWashington, D.C. eseyinkwenkwana ekwinqanaba lokonakalelwa lilizwi ngeenjongo zokuqhubela phambili nezifundo zakhe zobufundisi kwibandla leHouse of God kwalapho.

Izalathiso[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "The Life and Death of Marvin Gaye" retrieved June 27, 2012