UAshoka Omkhulu

Livela
UAshoka

UAshoka okanye UAshoka Omkhulu (304 BCE ukuya ku-232 BCE) wayengumlawuli waseNdiya. Wayengumlawuli wesithathu woBukhosi baseMaurya. Uthathwa njengoyena mlawuli mkhulu welizwekazi laseIndiya kude kube ngoku.

Ulawulo lwakhe lwalususela ku-269 BC ukuya ku-232 BC kwiIndiya yakudala. Ubukhosi buka-Emperor Ashoka babukwimimandla emininzi yeIndiya, Pakistan, Afghanistan, Nepal kunye neBangladesh yanamhlanje. Obu bukhosi bukhulu baseMaurya bubobona bukhosi bukhulu baseIndiya ukusukela ngelo xesha ukuza kuthi ga ngoku.

Ashoka's Mauryan Empire ca. 265 BCE

Emva kokuphumelela imfazwe yaseKalinga, wayeyithiyile imfazwe waza wamkela ubuBhuda. Wazama ukusasaza ubuBhuda kulo lonke elaseAsiya. Wakha amawaka eetempile zamaBhuda. UAshoka uthathwa njengomnye wabalawuli abakhulu kwihlabathi.

U-Emperor Ashoka naye uyaziwa ngolawulo olungcono kunye nolusebenzayo. Wayesenza izinto ezininzi enceda abantu bakhe. I'Emblem' yeRiphabhlikhi yaseIndiya ithathwe kwiNtsika yoMlawuli uAshoka. 'I-Ashoka Chakra' inikwe indawo kwiflegi yesizwe yaseIndiya. U-Ashoka uthathwa njengoyena mlawuli mkhulu kwaye uthandwa kakhulu kwi-subcontinent yaseIndiya.