UAbram

Livela
Ukunikela ngoIsaac ngumzobo owazotywa nguRembrandt, ubonisa uAbram, phakathi kwezinye izinto esizibonayo.

UAbram (onguAbram) yindoda ekubhalwe ngayo kwincwadi yeGenesis nakwiQu'ran. Apho, ke kuthiwa unguyi wamaJuda. Kungenxa yokokuba usisinyanya sawo. UAbram uyinxalenye yeenkolo yamaJuda, yamaKristu kunye namasilamsi. UAbram waziwa njengoyise wezi nkolo zintathu, nezibizwa ngokuba ziinkolo zikaAbram.

UAbram nguyise kaIsaac awamfumana kwinkosikazi yakhe uSarah. Unaye noIshmael awamfumana kuHagar, owayesisicakazana sikaSarah, ukwanabo nabanye abantwana awabafumana kuKeturah, awathi wamenza inkosikazi yakhe emva kokusweleka kukaSarah. Unguyisekhulu kaJacob noEsau. UAbram kukholelwa ekubeni usisiswenya samaSirayeli, amaIshmayeli namaEdomites. Abram wayengunyana wesithathu kaTerah ekwangunyana ongumzukulwana kaNahor. Abakhuluwa bakaAbram yayinguNahor noHaran.