U-Aristotle

Livela
U-Aristotle: ikopi yebronz eyenziwe ngemayibhile negcinwe kuvimba wezinto zesizwe ezibalulekileyo kwimbali yeso sizwe zesizwe (i- museum) i-Lysippus, Louvre.

U-Aristotle [1] (iStagira, eMacedonia,[2] 384 BC – Chalicis, Euboea, Greece, 7 March 322 BC) was a Greek philosopher. Wayengomnye weefilosofa ezibalulekileyo kwimbali yempucuko yasentshona .[3] Kuthiwa uAristotle waabhala iincwadi ezininzi, kodwa liqaqobana elincinane leencwadi zakhe ezathi zafundwe. U-Aristotle nguye owakhulisa u-Alexander omkhulu embonisa ekwamxhobisa ebukhwenkweni bakhe, waza ke yena wamthumelela izityalo kunye nezilwanyana esakube ephethe njengokumkani omtsha.



Ubomi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uyise kaAristotle onguNicomachus, waye engugqirha wekumkani uAmyntas waseMacedonia. Wathi xa aminyaka ilishumi elinesibhozo ubudala, waya kuhlala eAnthens de waneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala, njengo ngongomngcucalazi nomfundi wasePlato.[4]

Wathi xa aminyaka ilishumi elinesibhozo ubudala, waya eAthens ngeenjongo zokuqhubela phambili nezifundo zakhe kwiziko lemfundo lePlato. Wahlala ke kweli ziko iminyaka engamashumi amabini, engahambi de kwasemva kokuba kubhubhe uPlato ngo347 BC. Waza ke ngoko wakhenketha noXenocrates besiya eAsia Minor. E-Asia, lo kaAristotle wakhenketha no Theophrastus besiya kwisiqithi saseLesbos, kulapho bafikelela kwizifundo ngezityalo nakwizifundo ngezilwanyana zeso siqithi. Ngokukhawuleza emva kokuba elishiyile eli uHermias, uAristotle waamenywa nguPhilip II waseMacedon ukuze afundise unyana wakhe. uAlexander omkhulu ngo343 B.C.[5]no

U-Aristotle wachongwa njengentloko yesikolo sakomkhulu saseMacedon. Ngelo xesha wayengafundisi Alexander nje kuphela, koko wayefundisa abanye ababini ababezakuba ziikumkani zangomso: Ptolemy kunye noCassander. U-Aristotle waamkhuthaza uAlexander ukuba afundele ukuqhwaga impuma, kwaye wayenobuhlanga kubantu basePersia .[6] Kwimizekelo eyaziwayo, wacebisa uAlexander ukuba abeyinkokheli yamaGrike aze awalawule ngegqudu amabarbarini, alandle kulowo wayephethe, koogxabakhe nakwizizalwana, aze asebenze ngamanarnarini ngokungathi usebenza nezilwanyana nezityalo. [7]p58

  1. Template:Lang-el
  2. iStagira sisixekokazi sekoloni isiGrike eyayiseThrace ngexesha lokuzalwa khwakhe, okanye eMacedonia. Kodwa ke, iThrace yathi yaqhwagwa yiMacedonians. Esi siza ngoku sikwindawo yaseGreece ebizwa ngokuba yiChalkidiki. [1] I-intanethi yencwadi yoludwe lwamagama eFilosofi.
  3. Guthrie W.K.C. 1981. A history of Greek philosophy. vol VII: Aristotle: an encounter. Cambridge.
  4. Ackrill J.L. (ed) 1981. Aristotle the philosopher. Oxford.
  5. Bertrand Russell 1972. A history of western philosophy. Simon & Schuster, N.Y.
  6. Ethnocentric ~ 'biased in favour of his own culture'.
  7. Green P. 1991. Alexander of Macedon, University of California Press.