Jump to content

Sunday for lovers: Abantu abatsha abasaluxabisanga usuku lwangecawe

Livela

Sunday for lovers: Abantu abatsha abasaluxabisanga usuku lwange cawe

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ingaba konakele phi na mzontsundu? lo mfanekiso ungasentla ubonakalisa ukuba abantu abatsha baluchitha njani usuku lwabo lwangecawe, abanye ke baluchitha ngezinye iindlela kushiyana ukuba umntu uziva njani na. kodwa oyena ndoqo ngowokuba abantu abatsha abasayi ezinkonzweni kutsha nje. Bachitha usuku lwabo lwangecawe ezindywaleni, okanye babukele ibhanyaskop neetsapho zabo okanye bodwa. Kulutsha lemini yimini yokuba bazivise kamnandi hayi ukuba bayekudumisa uThixo, futhi kubonakala ukuba ulutsha lwangoku luthanda kakhulu ukuzivalela endlini babukele iimuvi kwicandela lika Netflix nezinye.

Ukanti sona isizukulwana sama 80’s esakhulela endlini ye cawe, esaqeqeshwa ukuba imini yecawe yimini engcwele yokunqula naso kubanakala ngathi sele sidikwe yiyokosa ngoba ubuninzi babo uyakubabona emalwandle ngemini yecawa bezivisa kamnandi ngeenyembezi zika Victoria. Ingaba esisizukulwana simkhalele uThixo okanye nguThixo ofulathele esisizukulwana? Nalo ke uphando luyaveza ukuba ulutsha lwa ngoku alunamsebenzi na cawe. Inintsi into esingayifunda ngoku maluga nenkolo, kuba zikhona izizathu ezenza ukuba ulutsha lungayixabisi indlu engcwele.

Ukuba ikhona into enjalo ethi nayo inkolo ihamba nexesha mhlawumbi singathi eli lilixa lokuphelelwa kwenkolo. Ingaba sithetha ukuthini xa sithi eli lilixa lokuphelelwa kwenkolo? [1]Ingaba inkolo yinto ephelewayo? Impendulo echanekileyo ayikho kulombuzo okwangoku kodwa kona kukhona utshintsho olwenzekayo ehlabathini malunga neenkolo yaye oku kuqale ukuqapheleka  emva kwesifo se COVID-19. Igama langengcawe lide lathiywa ngelamakhumsha ukuba yi ‘’Sunday for lovers’’, ulutsha lwangoku luchitha lemini nezinqanda mathe zalo. Leyo yinto evamise ukwenziwa ngabelungu, ngoku kubonakala ngathi ulutsha luthatha iindlela zasentshona kakhulu. Kusekude engqinibeni malunga nomsebenzi wokubuyisela umntu omnyama kwingcambu zakhe.[2]

Kwigcuntswana lolutsha lukhona ulutsha olungakwaziyo ukuya ezinkonzweni nokuba sele lunolangazelelo kuba bengabantu abaphantsi kwe LGBTQ+. Olu lutsha luzifumana lungudinga sithebeni kuba kalok inkolo ayibavumeli ukuba bangene endaweni engcwele ngelithi uThixo akasazi isini sabo kwaye asamnkelekanga. Kuye kuthi ke ngokuba beziva bechwethelwa bucala ngabantu bakhethe ukungayi endlini yokunqula. Ngoko ke ezi zezinye izinto ezidala ulutsha luchasele endlini ka Thixo.[3]

  1. Kinnaman, David; Hawkins, Aly (2011-10-01) You Lost Me: Why Young Christians Are Leaving Church...and Rethinking Faith (in English) Baker Books ISBN 978-1-4412-1308-2 
  2. Van As, J. N. (2021) Addressing the phenomenon of young South Africans leaving the church : a practical theological investigation of the role of parents in faith formation (in English) 
  3. https://goodmenproject.com/featured-content/the-hidden-pain-of-lgbtq-youth-in-the-church/