Rafael Correa

Livela
U-Rafael Correa

U-Rafael Vicente Correa Delgado (UngumSpanish owazalwa ngomhla we-6 ka-April ngomnyaka ka-1963), ngumntu obaluleke kakhulu eMzantsi Melika. Lo mfo ungumongameli weRephablikhi yase-Ecuador, wayekhe wangumongameli wemanyano yeezizwe ezimanyeneyo zaseMzantsi Melika. Lo mfo uyingcaphephe kwezoqoqosho, kwaye izifundo zakhe kweli candelo wazinxonxothela kwase-Ecuador, e-Belgium nase-United States. Kwathi xa umnyaka ka-2006 usiya ekupheleni, wonyulwa wabangumongameli. Yhiyo le nto waqalisa kwi-ofisi yakhe njengomongameli ngeyoMqungu okanye ke singathi ngoJanyuwari ka-2007. Kwathi kweyomnga ka-2008, u-Correa wadiza okokuba kukho ityala le-bond elavulwa ngobuqhophololo nokunyoluka elilinganiselwa kwinkuntyula yemali engange-Ş3. Kwakusithiwa ke elo tyala lenziwa noorhulumente bangaphambili.