Nontsizi Mgqwetho

Livela

UNontsizi Mgqwetho ebehlala kwiGoldfields zaseWitwatersrand eMzantsi Afrika, kodwa akazange ayilibale imvela phi yakhe yasemaphandleni phesheya kwenciba, nakumaxesha angaphambili olonwabo apho ubukhosi bamaXhosa obuzimeleyo babukhululekile kwingcinezelo yabebala. Kwisithuba esingangeminyaka elishumi, ukususela ngo1920 ukuya ku1929, wabhala izibongo kwiphephandaba laseRhawutini Umthetheli wa Bantu, Nguye kuphela umntu wokuqala oyimbongi yasetyhini ukuvelisa umsebenzi onobutyebi kwisiXhosa.

Ngaphandle koku kuvelisiweyo kule mibhalo kuncinane kakhulu okwaziwayo ngobomi bakhe. Nge23 kaOkthobha 1920 wayevutha embokweni liqhayiya, umfutho emele izibongo zabasetyhini. Wayethumela imibongo rhoqo kweliphephandaba kwisithuba seminyaka emithathu ukusuka ku1924 ukuya ku1926. ukhe waphumla iminyaka emibini de imibongo yakhe emibini yokugqibela yaphuma ngoDisemba ka1928 nangoJanuwari ka1929. Waze wanyamalala kwisithukuthezi senzolo awayeqhamke kuyo. Emva koko azange kuvakalento ngakwicala lakhe, kodwa ezi zibongo wazishiyayo zakhawuleza zamenza omnye wamagcisa amakhulu oncwadi akhe abhala isiXhosa. ulilizwi labasetyhini ababandezelekileyo omelana nolawulo ngamadoda, ukhokhelo olungahambeli ndawo, ukungazibandakanyi kwabantsundu, nomnqweno wokubukula nokohluka kwabebala, ukugxojwa kwezoqoqosho kunye nembali eyintlekele yenkulungwane yeshumi elinesithoba yokuhluthwa komhlaba nenkcubeko.

Amandla akhe uwafumana kunqulo olulolwakhe lwalowo unguThixo wamakrestu, nomama Afrika, nanjengempelesi yentsana zakhe, abo, agxininisa ukuba akudingeki baphendule kwizicelo zokubuya kwakhe njengokuba engazange ahambe, wayexhathise kubantu bakhe abamphoxayo. Njengokuba imbongi kwakuhlala iyindoda, UNontsizi wayengavinjwa umboko wokubonga esidlangalaleni angakwazi ukunika intlonipho inkosi. Iphephandaba labeka izibongo zakhe ngokusesikweni laze lamnika itikiti lokungena kumphakathi owaphika isithethe. Wayekhululekile ukubonakali/ukuvelisa ilizwi lembongi, wathathe ilungelo lembongi lokugxeka iinkokheli. Njengembongi wayegxile kwimikhuba yoluntu, ejonge ukubumba indlela yokuziphatha kwabantu nokuhlanganisa izenzo zabo.