Jump to content

Mthunzikazi mbungwana

Livela

UMthunzikazi Mbungwana yimbongi, umngqungqi nomhlohli wexeshana kwiYunivesithi yaseRhodes, nalapho ankqonkqozela isidanga sobuGqirhalwazi kwiiLwimi zaseAfrika. Lo kaMbungwana ubhale iincwadi ezimbini zesihobe: Umnikelo (2015); Unam Wena (2021). Le ithi Umnikelo uzipapashele yaze le ithi Unam Wena yapapashwa lilitye Uhlanga Press. Komnye wemibongo ekule ngqokelela ithi Umnikelo, nothi 'Ababuyanga', uMakhenyane (2022)[1] uqaqambisa ukuba uMbungwana utyhila ukuba amanina akrelekrele ngokwaneleyo ukuza nezisombululo kwingxubakaxaka yokubhubha kwabakhwetha. Inxalenye yemibongo ekule ncwadi ithi 'Unam Wena' isuka kwingqokelela yemibongo uMbungwana awayingenisa kwisidanga sobuNgqawalwazi (Mastazi) kubuGcisa bokuBhala, nawayesenza eRhodes.

Kule ncwadi ethi Unam Wena, uMbungwana uphethula isoyi kwindlela yokubhala isihobe sesiXhosa nemixholo kwisihobe sesiXhosa. Isakhiwo semibingo yakhe asigqitywa phambi kokubhalwa okanye yimithetho emiselweyo. Isakhiwo semibongo yakhe igqitywa ludaba aludlulisayo, nemvakalelo anayo emqhubele ekubhaleni. Kwimibongo apho lo kaMbungwana esiva kabuhlungu, uza kufika esebenzise oonobumba abancinci umbongo wonke. Ukanti naxa enkqangiyelela inguqu kumba othile, usebenzisa oonobumba abancinci ukuqaqambisa ukukhalima kwakhe. Uza kufika imibongo yakhe iqala nandawoni apha ephepheni, endaweni yokuqala kwingqameko lwasekhohlo. Oku kukwaqaqambisa ukuba ubomi abunkcunci kumgcolo omnye kwaye iimvakalelo zomntu azisoloko zifana.

Imixholo kwisihobe sikaMbungwana kwincwadi ethi 'Unam Wena' iquka imixholo yothando, ikhaya, ukuxhatshazwa kwamanina. NgokukaMotinyane (2021), [2] umxholo wekhaya kule ncwadi uvezwa njengolangazelelo lwendawo ayinxalenye yayo umntu. Kananjalo, lo kaMotinyane ukhankanya umxholo wentlungu ezalwa kukuba khwiye, apho imbongi iqaqambisa ukuxhatshazwa kwamanina kuba bekhwiye. UMama (2021)[3] uthi, le mixholo mibini ithelela kumxholo ophambili wale ncwadi, umxholo wokwenziwa ikheswa kuba ubani ekhwiye. Indlela awushukuxa ngayo umxholo wothando uMbungwana iqhelisa okungaqhelekanga.

Ngaphaya koko, ulwimi kwisihobe sikaMbungwana luthelela kwindlela ezintsha zokubhala isihobe sesiXhosa. Imifanekiselo ayisebenzisayo ibonisa ingqiqo enzulu yembongi, nalapho sifumana imifanekiselo emitsha, nekhulisa ulwimi lwesiXhosa. Kananjalo, le mbongi isebenzisa isigama esitsha, esinika ingqiqo kwimixholo ayishukuxayo kwisihobe sakhe.

Isihobe sikaMbungwana singumhlaba ofumileyo kubaphandilwazi ngesihobe sesiXhosa. Kuninzi okungazuzwa ngokuphathelele kwisakhiwo, imixholo nolwimi, ukuqaqambisa indlela entsha ethatyathwa sisihobe sesiXhosa namhlanje.

  1. Makhenyane, Lukhanyo Elvis (2022) [Makhenyane, L.E., 2022. A critical analysis of Mthunzikazi Mbungwana’s protest in ‘Ababuyanga’. South African Journal of African Languages, 42(3), pp.293-299. "A critical analysis of Mthunzikazi Mbungwana's protest in 'Ababuyanga'"] Check |url= scheme (help)  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  2. Motinyane, Mantoa (2021) [Motinyane, M., 2022. Unam Wena (Mthunzikazi A. Mbungwana). Tydskrif vir Letterkunde, 59(2), pp.92-93. "Unam Wena"] Check |url= scheme (help)  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. Mama, Sibongiseni (1 December 2021) [Mama, S., 2021. Unam Wena. New Coin Poetry, 57(2), pp.128-134. "Unam Wena"] Check |url= scheme (help)  Unknown parameter |url-status= ignored (help)