Jump to content

Misuzulu Zulu

Livela

UMisuzulu Sinqobile kaZwelithini [1] (owazalwa ngomhla wama-23 kweyoMsintsi 1974) yiKumkani elawulayo yesizwe samaZulu. UMisuzulu ngunyana wesibini kuKumkani uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu kunye noMfazi Omkhulu uKumkanikazi uMantfombi Dlamini Zulu. UMisuzulu waba yindlalifa emva kokusweleka kukayise ngomhla we-12 kweyoKwindla 2021. [2] [3]

Nangona waye wamiselwa ngokusesikweni njengenkosi yesizwe samaZulu ngomhla we-7 kuCanzibe ngo2021, ukuthweswa kwakhe isitshuka akuzange kwenzeke de kwangomhla wamashumi amabini kweyeThupha ngo-2022. IKumkani yathweswa isitshaba kwaye yamkelwa nguRhulumente ngomhla wama-29 kweyeDwarha ngo2022. [4] [5] [6]

Ubomi bakhe kunye nemfundo

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UKumkani uMisuzulu wagqiba ukufunda eSwatini, ilizwe lokuzalwa kukanina, waza kamva waya kumabanga aphakamileyo eMzantsi Afrika, eSt . Charles College, eMgungundlovu.[7] Ngomhla wesithandathu kuCanzibe ngo2021, kusuku oluphambi kwenkonzo yomngcwabo kanina, uKumkani uMisuzulu watshata neqabane lakhe ekudala lihleli likhona uNtokozo Mayisela. [8] Esi sibini sadibana ngeyeThupha ngo-2009 kumtshato wasebukhosini kadade boKumkani uMisuzulu, uNkosazana Bukhosibemvelo kunye noSipho Nyawo owayesakuba singqonyela kwaTransnet, eDurban Botanic Gardens. [8]

Ngomhla weshumi elinesithathu kuCanzibe 2021, uKumkani uMisuzulu wathumela igqiza kwaMayisela ukuba liye kuthethathethana kunye nokuhlawula ilobolo ngokwesiko lomtshato wakwaZulu. Ilobola kuthiwa ibandakanya iinkomo ezisibhozo kunye namashumi amahlanu amawaka eerandi eMzantsi Afrika.[9] [10]

  1. Mabaso, Nhlanhla "King Misuzulu says there is now unity amongst his people" ewn.co.za (in en-US) retrieved 2022-08-30 
  2. "Zulu King Goodwill Zwelithini dies in South Africa aged 72" BBC News (in en-GB) 2021-03-12 archived from the original on 22 April 2021 retrieved 2021-03-12  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. "Zulu King Goodwill Zwelithini has died" News24 (in en-US) archived from the original on 12 March 2021 retrieved 12 March 2021  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  4. "Prince Misuzulu Zulu announced the new preferred Zulu king" The South African (in en-US) 7 May 2021 archived from the original on 13 May 2021 retrieved 13 May 2021  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  5. "Zulu King Misuzulu ka Zwelithini crowned in South Africa" BBC News 20 August 2022 archived from the original on 21 August 2022 retrieved 22 August 2022  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  6. "Entering of the kraal ceremony for amaZulu King Misuzulu kaZwelithini" TimesLIVE (in en-ZA) retrieved 2022-08-30 
  7. "King Misuzulu kaZwelithini has a bride - reports" TimesLive (in en-US) archived from the original on 31 January 2022 retrieved 13 May 2021  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  8. 8.0 8.1 "Misuzulu Zulu" Student Room (in en-US) archived from the original on 29 January 2022 retrieved 13 May 2021  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  9. Zulu Cultural Village @ Zulu Nyala Heritage Safari Lodge - All You MUST Know Before You Go (2024) (tripadvisor.com.au)
  10. "Eight cows and R50 000 cash lobola for new Zulu queen Ntokozo Mayisela" IOL (in en-US) archived from the original on 13 May 2021 retrieved 13 May 2021  Unknown parameter |url-status= ignored (help)