Masizingce ngelwimi zethu

Livela

kwakutyiwa ntoni kudala

Ukuzingca[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukuzingca kukuba nebhongo neqhayiya ngento yakho, uzithembe, ungaqweneli izinto zabanye abantu, uncame ngokungafuni ukwahlukana nayo. Iilwimi zemveli zezinye zezinto esizingca kakhulu ngazo singabemi boMzantsi Afrika jikelele, kaloku ulwimi nekcubekho ngamawele lawo.

Iilwimi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Nangona kweli lizwe singabantwana boMzantsi Africa omnye onga thixo,sahlukene ngeelwimi esizithethayo, kweli lizwe lihle kunene kudityenwe ndawenitye zintlanga ngeentlanga ezingabaNtsundu,abebala,amandiya,nabamhlophe,kukwanjalo ke nakwiilwimi ezithethwa apha endinokubalula kuzo isiXhosa,isiNgesi,iAfrikans,isiZulu,isiNdebele,isiSwati,isiPedi,isiTswana,iSesothu,isiVenda, Xitsonga nezinye.Oko kucace gca nakwindlela ohlelwe wabhalwa ngawo umhobe wesizwe weli lizwe. Ndicinga ukuba kuphela komhobe wesizwe obhalwe ngelwimi ezininzi ehlabathini jikelele. Loo nto iyodwa ibonisa ukuhlonipheka kwelwimi zeli. Ulwimi lakho lukwabonisa imvelaphi yakho.

Intlonipho[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kaloku kubalulekile ukuba uzazi ukuba ungubani,ungowaphi na.Ngokuthetha ulwimi lwakho kusiphuk′izicithi, sukuba ihombela inkcubeko yakho. Yiyo loo nto kufuneka omnye nomnye oluhloniphe ulwimi lomnye , angalijongeli phantsi kulahliswane ngoxolo.Amaxhosa anengxaki yokuthabatheka athetha iilwimi zezinye izizwe elahla, imbo yawo ngophoyiyana, alibale ukuba uphoyoyana uyemka ngomso, loo nto iyodwa iyawahlazisa ze idandalalize elubala ukwaya nokudelela ubuntu bawo. Ezinye izizwe ziye ziwajongele phantsi kunendlwane yeenkukh amaxhosa ngenxa yalo mkhuba awenzayo. Uya kubeva abaye abantu bekhala ngamaxhosa aphaphayo, kube kunjalo ke phofu

2008-02-09 Xhosa women
Ndebele-women-loopspruit

Isiko[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Xa uthanda ulwimi lwakho, unamathela kakhulu kumasiko neziyhtethe zookhokho bakho. Kukho nenkolo yokuba xa usenjenjalo awusayi kuqunjelwa zizinyanya. ziya kukukhusela zikwandisele namathamsanqa uzibone nawe uqhubela phambili. Abo balahla iilwimi zabo bakhukhuliseke nomfula , baphulukane nobuncwane bokuzithemba ze baphele sele bezindlandiya ezikopa nezenza onke amasiko ezinye intlanga. Abo bantu ke baphelela ekubeni ngosithubeni okanye amalulwane angazaziyo noba aziintaka na okanye azimpuku . Kungenzeka ukuba nelizwe sele liguquke lakhohlakala ngoluhlobo nje kungenxa yendlela esenza ngayo izinto.

Iinkokheli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Khawubukele umbono omhle xa inkokheli yalo naliphi ilizwe indwendwele kwelinye ilizwe ithetha ulwimi lwayo lwenkobe. Loo nto ibonisa intlonipho , ubuthandazwe nokuzidla ngokumela isizwe esikhokhelayo. Wofika iitoliki zipitiliza ziguqula loo ntetho yaloo nkokheli kulwimi lelo lizwe . Isithethi eso maxawambi akuyonto yokuba asilwazi ulwimi lonxibelelwano, koko sinebhongo ngolwimi lwaso lwemveli.

impoxo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Akusebuhlungu xa udibana nomntwana endleleni ehamba nomzali wakhe, ze xa umncokolisa ngolwimi lwakhe lwenkobe kufuneke etolikelwe ngumzali wakhe ukuze akwazi ukukuphendula . Uye uzive uphoxekile kwaye udane umanzi, uzibone sele uqalekisa uvimba wempucuko abadapha kuwo udaka olubavalela iingcango zobuncwane nesidima sobuntu babo. Abo banjalo wobeva bezithethelela ngelithi akukho apho ulwimi lwabo lwenkobe luza kubasa khona. kuba zintloni xa kufuneka umntwana anze isivakalisi esebenzisa ulwimi lwakhe, wofika exuba ezinye iilwimi, ngakumbi olu kuthiwa yitsotsi taal. Balibele ukuba urhulumente weli uxakekile uguqula zonke iincwadi zezifundo zesikolo kwiilwmi zesiNtu ukuze abafundi bazifunde ngelwimi zabo zenkobe. Iqumrhu eliyi-PanSALB nalo liyancedisa ekubuyiseleni isidima seelwimi zesiNtu.

Isicelo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Mzi oNtsundu siyintlekisa kwezinye izizwe. Ndihlaba ikhwelo ndithi masibuyele kundalashe. Masingavumeli nayiphi na imimoya esahlukanisa nemvelaphi yethu. Xa uyazi intsukaphi yakho kubalula ukuba uyibone nentsingiselo yakho. Intsuka phi yakho ke likamva lakho. Masi thathe imboniselo kwezinye izizwe zona zizihloniphayo iilwimi zazo. Laphela ixesha lengcinezelo nathi masigcine amagugu ezizwe zethu. Masime sithi nkqo sizazi ukuba singoobani , sivalaphi, sisingisephi na. Eli siko lidala lezizwe lihonjelwa ligcinwe ngabanjani abantu? Uhlanga olumnyama lulahlekile. [1] [2] [3] [4]

Referensi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]