Jump to content

John solilo

Livela

UJohn Patrick Solilo waazalwa eMgwali, isikhululo semishini esinelifa lencwadi eliqinileyo, ngowe-1 kweyoMqungu, ngokutsho kukaJabavu (1936). Nangona kunjalo kwi sifi esibhalwe nguVulindlela, uSolilo waazalwa eMdizeni kwi-district yaseQonce ngo-1866. Ilitye lakhe lengcwaba libhala iminyaka yakhe yokuba eswelekile engu-76, ngoku ke inokuba waazalwa ngo-1864. Njenge lungu lamaCirha, wayesaziwa njengoQhanqolo, njengesinye isinyanya sakokwabo. Ukhulele eziHlahleni (Debe Nek) waze wafunda isikolo eMdizeni naseMgwali. Ngo-1888 waabhalisa kwi ziko eLovedale apho waphumelela ukuba yititshala ngo-1891. Emva kweminyaka emine eseKimberly usuka ku-1900 ukuya ku-1903 uye wabuyela entshona koloni, watshata, waze wafudukela eKapa. Njengokuba ekhonza iAnglican icawe njengomfundisi, uye waqhubekeka ngezifundo zakhe zobufundisi kwi mishini yase Saint Matthews kude kufutshane kuneKeiskamahoek; wenziwa idikoni ngo-1910 wase wamiselwa kweyeSilimela ngo-1916. Waaphangela eHershel (1910-13), ePeddi (1913-17), eRhafu (1917-19), eHershel okwesibini (1919-20) emva koko nasemishini yaseSt Andrew’s eKomani (1920-23), kwi mishini yaseSt Peter’s eCradock (1923-28) kwaye, ekugqibeleni, eAnne’s mishini eRhini usuka ku-1928 de ukufeni kwakhe kweyoMqungu ngo-1940.

Amaxesha jikelele, abo babhala ngoSolilo bathetha ngegalelo lakhe kuluntu aluncedileyo, kanye nokukhululeka kwakhe kucalucalulo, ngakumbi kwintsebenziswano yakhe nabantu bakwaXhosa namaMfengu, phakathi kwabo kwakukho ubutshaba obukhulu.

Tom, E. 2023.