Jacob Matlala

Livela

Jacob "Baby Jake" Matlala (1 August 1962 – 7 December 2013)
Lo nguJacob Matlala umdlali wodumo wezamanqindi. Wazalwa ngomhla wokuqala kweyeThupha (kuAgasti) ka-1962, waza wayibeka inqawa ngomhla wesi-7 kkweyoMnga (kuDisemba) ka-2013. Inyanga yeNkanga (kaDisemba) ka-2013, yinyanga yokunduluka kwamadoda amakhulu eMzantsi Afrika. Ngomhla wesihlanu kwakule nyanga kwaawa ufaf'olude uMadiba. Kwaadlula nje iintsuku ezimbini walandela u'Baby Jakes' ngokunga uyamkhapha. Yhe wethu lo nyaka ka-2013 uwaginyil'amaqhawe. Ukuwa kukaRholihlahla kwaandulelwa kukulala kwegatyana lomfana owayesaze ngobuso elizweni u-Vuyo Mbuli. Zininz'izinto ziman'ukwenzeka ziphinde zidlule. Lo mfana waykhaba ibhekile NgoMeyi, singakhange sive okokuba ukhe wabikwa hlaba. Kanti uvul'indlela kaMaDib'omde owalandela emva kweenyanga ezisixhenxe ehambile uRhadebe.