Iziqithi zeCanary

Livela
Iflegi ye Iziqithi zeCanary
Indawo

Iziqithi zaseCanary liqela leziqithi xa uphuma ngonxweme lwaseMorocco. Yindawo yabahlali baseSpain abazimeleyo (bazenzela imithetho yabo). Zisixhenxe ezona ziqithi zinkulu kule ndawo. Abantu abahlala phaya bathetha iSipanish. Le ndawo izimeleyo innoondlunkulu bezixekoababini, kunjalo nje bayalingana ngomgangatho. I-Santa Cruz de Tenerife kunye ne-Las Palmas de Gran Canaria, njengezinye iziqithi zaseMacaronesia, zazenziwe ludubulo mhlaba olubizwa ngokuba ziivolcanoes ngaphantsi kolwandle. Ezi volcanoes zikhula kancinane zithe chu de zigqi ngaphezu kwamanzi zide zibe ziziqithi. Le nkqubo ithatha amawaka-ngamawaka eminyaka. 

Iziqithi zinembali ende nemnandi kakhulu. Ukufika kwamaYurophu okokuqala kwiziqithi zaseCanary, afumanisa okokuba kukho abantu esele bevele behlala phaya. Aba bantu babebizwa ngokuba zii-Guanches. Ama-Guanches amaninzi aabulawa ngenkulungwane ye-15, kumlo wabo namaSipanish, kwanabanye ababesele beyithathe yonke indlela aphila ngayo amaSipanishi bayenza eyabo. Emva kokuba isipanishi siye saqhwaga, kwaavumbuluka imilo emininzi namapirates. Kutsha nje, imorocco yaba nomdla wayo.  

Emva kokuba iSipanishi siye soyisa, amaYurophu amaninzi azinza apho. AbaPhuthukezi, kwanama-Spaniards, kwanee-Belgians nama-Maltese babeyinxalenye yabo bantu abafika kuqala, kutsha nje abantu abaninzi abavela kulo lonke elaseYurophu, eMelika, e-India naseAfrika sebede bangabemi okanye sebengabahlali ngokupheleleyo kweliya lizwe.   

Ezi ziqini zisixhenxe yi-La Palma, La Gomera, El Hierro, Tenerife, Gran Canaria, Lanzarote, kunye ne-Fuerteventura. Abantu abavela e-La Gomera banolwimi olungumlozi elifundwa ngabantwana esikolweni. I-Tenerife inentaba ende kuzo zonke ethe ngcu kwiziqithi ze-Canary nakwisipain ngokunjalo, nakwi-Teide. I-Teide yeyona volcano, kodwa ibisoloko ingasebenzi kwiminyaka enga-300. 

Iziqithi ziduma ngenxa yabakhenkethi abeza kuzo, ngenxa yemozulu eshushu nangeelwandle ezintle.  Amafama alapho atyala iziqhamo ezimnandi kunene, eziquka ii-papayas kunye nee-bhanana. 

Iziqithi ze-Canary zithengisa ngaphandle iibhanana kunye ne-tobacco.

kufundwe laa maphephaReferences[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

ezinye ii-websites[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]