Izibongo zikaNtsikana Gaba

Livela

Yimbongi yakwaGompo

Enyaneni kwanti entlango
Ngamhl'uthile laphum'ilanga
NaseGwali njengesiqhelo
Koko lahluka elaloo mhla.
Kuba waavuka okaGaba
Nenkwenkw'ebithanda inkomo
Basing'ebuhlanti bevuka
Njenge soko elo lesiqhelo.
Yhintoni na le nto kwedini?
Andazi nam ndisathe manga
Ilanga kuntsikana limi
Lahlaba kwinkab'abeyithanda.
Yhintoni namhl'ehlileyo
Phakathi koGaba nelanga?
Kusasa limbonise into,
Emin'alivum'akududa.
Ndithunyiwe kuni maXhosa,
Kuthiwa iyeza imihla
Ekuya kufika intlanga;
Zivel'eMpuma naseNtshona.
Yenjenje ke wena kaMlawu;
Maphakathi nabanumzana;
Lahlan'amab'amasik'enu
Utsh'uMenz'wab'aba numzana
Enkosi Ntsikana kaGaba,
Uthethe watsho okaMlawu;
"Koqala mna ke ukungena
'Ze le nto bayibon'ubukhulu."
"Unyana kaMlawu lilawu,"
Atsh'amaphakath'egqugula,
"Masitsh'ukumgcikiva kwethu
Ukuze lent'abuy'ayithi tya."
'Ndlela zenqwelo nanzi namhla,
Xabiso lenkuni lamanzi;
Yonk'into namhla iyabonwa
'Yathethwa kusesemnyameni.
Yintw'entl'ibuyambo makaba,
Yilahleni yonke imvelo
Sabelani kokaRhubusana,
Itsho imbongi ngelayo.