Isiko lolwaluko

Livela

Isiko lowaluko lisiko elithi lenzelwe umntwana ongumfana kokwabo.Ubudoda obu abukhulelwa koko umntu uzibhentsisa ngezenzo zakhe ukuba uyindoda na nokuba akasiyiyo. Eli siko libonakalisa ukuba umntwana uphumile ebukhwenkweni waza wangena ebudodeni. Eli siko lithi lenziwe umntwana xa ezayokuqala ukuphangela egqibile imfundo. Oku yayikokwenziwa mandulo kodwa kule mihla umntwana uthi wakuzi bona okanye xa bethe bavumelana nabazali ngesi sigqibo umntwana ahambe ayokucela iimpepha esibhedlele. Ezimpepha zithi zikhusele abakhwetha ekubanjweni ngamapolisa ngezithyolo zolwaphulo mthetho. Xa zithe za lungiswa ezimpepha umntwana ukulungele ukuhamba. Ngokwalemihla sikuyo kufuneka umntwana abe uneshumi elinedibhozo leminyaka. Umntwana uthi atshintshe zonke izinto zobukhwenkwe. Oku kuquka impahla, isimilo, indlela yokuziphatha nako. Umntwana oyinkwenkwe uye athathwe kokwabo ayokuhlala kindwawo efihlakeleyo nekude kwizindlu okanye ethe qelele. Uthi akufika apha oluswe, umntu oluse lo mntwana uye anikwe ingcibi.ukoluswa akuthethi ukuba uyindoda indonda yindoda ngezenzo ukwaluswa linywawo lokqala elikhokhela ebudodeni [1]

Amakrwala
Emgidini abantu abangoomama

Ingcibi Kunye NeKhankatha[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ingcibi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ingcibi ithi yoluse unyana kukwelixesha apho aqale afumane igama elithi mkhwetha. Ingcibi iye ibe ngumntu onolwazi kwaye owulungeleyo lo msebenzi. Ithi yakugqiba umsebenzi wokwalusa anikele kwikhankatha lokuqala.kuAzola is 6th

Isinxibo somama ngomgidi

Ikhankatha[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ikhankatha ngumntu othi agcine umkhwetha, uye amgade kude kufikelele ixesha lokuphuma, ikwanguye oye abone xa umkhwetha ukuba angagoduka. Ikhankatha lino xanduva lokujongana nempilo yomkhwetha. Ngokwa kwaXhosa amakhankatha ebeye abemabini. Elokuqala liye limgcine umkhwetha de ayokojiswa. Umkhwetha uye ojiswe emva kweentsuku ezisixhenxe. Emva kosuku lwesixhenxe elesibini liye lithathe apho elokuqala liyeke khona. Lona ke liyakuthi limgcine ade ayo kuphuma esuthwini. liye ikhankatha lifumane umbulelo

Inqalathi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Inqalathi ngumntwana othi asele umkhwetha ukutya phaya esuthwini. Lidla ngokuthi lifumane iimpahla zomkhwetha zobukhwenkwe. Kuye kuye kubekho imithetho nemiqathango inqalathi ekufuke liyilandele. Lemiqathanga iquka oku kulandelayo: inqalathi alihambe lisisma lihamba lide liyokufika ebakhwetheni, inqalathi xa lifika ebakhwetheni lithi likongule ukutya, oku kukuqinisekisa ukuba akukhonto ingalunganga ngokutya. Inqalathi likwa yindlela yoqhagamishelwano phakathi komkhwetha nosapho lwakhe.

Ukutya Nemithetho Yasebakhwetheni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iveki Yokuqala[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwiveki yokuqala umkhwetha uthi atyiswe umngqusho okanye irayisi emhlophe. Ukutya okuthunyelwa umkhwetha kufuneka kome kwaye kungavuthwa ncam.kule mihla kufuneka kuthambile kodwa kungabinayo ityiwa okanye izqholo nezshebo.Anqabile amathuba wolala kule veki kufundiswa abakhwetha ukunyamezela aqine

Ukutya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umkhwetha emva kokojiswa uye afumane ilungelo lokutya ezinye izidlo. Umthetho uthi inqalathi alimi nokutya, alijiki nokutya kwaye alikubeki phantsi ukutya komkhwetha. nangona umkhwetha ekwazi ukutya okunye kodwa oku kutya akufunekanga kubenamanzi amaninzi. Oku kuya kuthi kwenze umkhwetha angaphili ngokukhawuleza esuthwini.

Amanzi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amanzi umkhwetha yinto ekufuneka azame ukungayisebenzisi kakhulu. Ngenxa yokuba enza umkhwetha ahlale ixesha elide ukuba uyawasela. Ikhankatha liyakwazi ukubona ukuba umkhwetha uyawasela na amanzi. Ikhankatha liyakuthi limohlwaye okanye limnqande umkhwetha ngokusebenzisa amaninzi.

Ukojiswa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umkhwetha mandulo ebeye ojiswe emva kweentsuku ezisixhenxe. Kodwa ke kule mihla iye ihambe ngokwekhaya umkhwetha asuka kulo. Xa umkhwetha esojiswa kuye kuxhelwe igusha okanye ibhokhwe, ukanti maxa wambi kusetyenziswe iinkobe endaweni yegusha nebhokhwe. Ekojisweni abantu ngabantu baye babene ndawo abazityayo nebaye bazinikwe. Inqalathi liye lifumne intamo, umkhwetha uye ashiyelwe umkhono, amaphakathi(amathumbu, isbindi njalonjalo) kunye namanqina athi aye kulo mkhwetha.Kwaya ithi ingafakwa ityiwa kwinyama yomkhwetha. Kwamakhay athi angabinayo imali yokojisa umkhwetha, umkhwetha uye ojiswe ngeenkobe. Emva kokuba umkhwetha ojisiwe uye okokuqala oko engenile ahambe ayokuhlamba.

Ubomi Basebakhwetheni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ebakhwetheni kukho indlela yokwenza izinto ngokomthetho owathi wasekwa kwasekusekweni kwelisiko. Oku kuquka ulwimi nendlela yokwenza izinto. Amanqalathi xa ezakudlula ebhomani lakhe nawuphi na umkhwetha kufuneka acele imvume yokudlula kuloomkhwetha weloobhoma. Amanye amagama athi asetyenziswe ebakhwetheni aquka anga: amanzi kuthwa ngamacwambu, umntu ongumama otshatileyo sisigqwathikazi njalo njalo. Ebakhwetheni akulalwa ebusuku amaxa amaninzi, bayahlala bombhele ubusuku bonke. Baye bafundisane ulwimi lwamakrala bencedisana kwiziphene umntu anokuthi agagane nazo xa sele ephumile esuthwini edibana nabanye abakhwetha.

Ukubuya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Phambi kokuba umkhwetha abuyele kokwabo kuye kwenziwe ingcakaza. Ingcakaza yenziwa ebusuku abe yena umkhwetha ephuma kusuku olulandelayo. Kwingcakaza kuye kubhiyozelwe uhambo lomkhwetha kwisiko lolwaluko. Umkhwetha uthi ahambe ekuzenikusa kusemnyama. Ufike alale ixeshana kube sekufuneka alungiselele ukubuyela ekhaya. Uye avuke ahlambe abe sesombathiswa iragi.kulapho atshintsha iqanaba abizwe nge krwala

Endleleni Ebuyela Ekhaya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Endleleni ebuyela ekhay a ikrwala liye ligqunywe ade ayokufika kokwabo. Apha endleleni amanye amdoda ahambe equla. kuye kombhelwe iingoma ngeengoma eziquka usomagwaza no size naye noopoho-poho. Ikrwala lifikile kokwalo ebhlanti apho beliqale khona apho lakwemlwa ngamaxhego elali .ukhankatha kulapho abuyisa umntana kowabo achazele amaxhego no yise ngempilo nayoyonke into ebeyhambile umntana uye ukhankatha ambuyisele kwi liso labazali kupheleleyo .liphuma ebhlanti liye kwindlu yalo yesfana ifundiswa khona ngamadoda indlela yobu doda kule lendlu kubakho namankazana wona umsebenzi wawo kuculela ikrwala ize intombi esondeleyo ne krwala ngegazi iphe ikrwala igama elitsha lebhatyi

Amalungiselelo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Isithuba esingangeveki nangaphantsi phambi kokuba umkhwetha aphume kuye kusilwe umqombothi. Lo mqombothi uti uselwe ngomgidi. Uthi ugalelwe kwiibhekile ezahlukeneyo Unikwe abantu obafaneleyo.

Umgidi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uthi umkhwetha xa ezakufika kokwabo abafazin noomama abakumgidi bakhalise ingqongqo balilizele bacule neengoma zakwantu. Baye banxibe imibhaco bachokoze ubuso bathwale neeqhiya. Abakhwetha bathi bakufika endlini okanye kulomkhwetha uqale umgidi. Emva kokuba unkhwetha efikile kokwabo uye ahambe ayokungena ebuhlanti, ebuhlanti ufika elindwe ngootata belali. Ootata belali bathi bayale umkhwetha bathi bakugqiba bamsoke. Ukusoka kuxa umkhwetha efumana izipho, ezi zipho zingabanentsingiselo ehambisana nokuyala okusuka kuloo mntu okanye ingaba sisipho nje. Emva kokuba egqibile ukuyalwa umkhwetha ngamadoda. Emigidini kuthi kuxhelwe amaxa amaninzi iye ibe yinkomo exhelwayo okanye igusha. Le nyama ithi yabiwe ngezithebe ngezithebe. Oku kunjalo ngomqombothi [2]

Ingumnqa lento yalamadoda afika ehambisa isiko lakwaXhosa ngelihlobo. Sisthuko kaloku ukwenjenje, ndiyanqanda sizukulwana sika Gcaleka Hayini

  1. 07/08/2014 [www.isigidimi.co.za/index.php?cid=&pid=192 www.isigidimi.co.za/index.php?cid=&pid=192] Check |url= scheme (help) retrieved 07/08/2014  Missing or empty |title= (help)
  2. http://www.circumstitions.com/tribal.html