IsiMpondo

Livela

Olu lulwimi lwesiXhosa esiphenjelelwa kakhulu sisiZulu ngenxa yembali yemvelaphi yawo. Olu lwimi luthelthwa ngabemi basemaMpondweni kwiidolophu eziquka iNgqeleni, Libode, Sajonisi, Lusikisiki, njalo-njalo, ukuya kunqandwa ngumda wakwaZulu. Olu lwimi lubalulekile kakhulu kuba ludiza imvelaphi yomntu. AmaMpondo anobukumkani obuseMpuma-Koloni, wona aqikelelwa ukuba asekwa kwisithuba seminyaka yo-1282 phantsi koKumkani uMpondo kaNjanya, obathi kamva bawela kumaNyawuza. Aba ke bayinxalenye yezizwe zaseMbo ezathi zagaleleka kwilizwe lomZantsi Afrika.