Isango ensemble

Livela

Umculo weIsango Ensemble[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Le nkampani icula iiopera zaseYurophu, imizekelo eIthali naseFransi naseJamani naseNgilane, kodwa ziculwe ngesiXhosa okanye ngesiNgesi. Ngaphezu koko, i-Isango Ensemble icula ezi opera ngeembali zeendawo zaseMzantsi Afrika endaweni yeembali ngeendawo zaseYurophu. Ngaphambili kweCOVID-19, i-Isango Ensemble yacula kwihlabathi lonke, imizekelo eMelika naseYuropha naseAsiya. I-Isango Ensemble ayinakhaya, icula ezilokishini okanye kwiithiyetha eMzantsi.[1]

Ii-opera ezimbini eziculwa yi-Isango Ensemble[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Impempe Yomlingo nguWolfgang Amadeus Mozart (1791)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-Isango Ensemble icula u-Impempe Yomlingo (okanye uDie Zauberflöte ngesiJamani okanye uMagic FlutengesiNgesi) ngesiNgesi nesiXhosa nesiZulu nesiTswana. U-Impempe Yomlingo umalunga nenkosana, uTamino ehlangula inkosazana, uPamina, intombi kaKumkanikazi woBusuku. UPamina waqweqwediswa ngoSarastro, umbingeli. UTamino nomhlobo wakhe, uPapageno, noPamina kufanele benze iimvavanyo etempileni kaSarastro ukuze uSarastro akhulule uPamina. UPamina noTamino baphumelela bafumana uthando lwangonaphakade.[2]

Le opera ineempikiswano ezininzi, ikakhulu impatho yabantu abamnyama. USarastro unamakhoboka, kodwa unokukhanya. Ngesiqhelo, inkokheli yamakhoboka, uMonostatos, iculwa ngumculi omhlophe onxibe ubuso obumnyama (okanye i-blackface). UMonostatos usisidenge yaye unobundlobongela. Wazama ukudlwengula uPamina, inkosikazi engumntu omhlophe. Abantu abaninzi bathi umculi omnyama kufuneka acule uMonostatos, hayi umntu onxibe ubuso obumnyama. Abanye abantu bathi umculi onxibe ubuso obumnyama kufuneka acule uMonostatos ngoba uMozart wayibhala ngaloo ndlela.[3]

UMonostatos weI-Sango Ensemble wayengumculi omnyama. Wayesanobundlobongela kodwa wayengesosidenge. UMonostatos wayekhohlakele ngoba wayenobundlobongela, hayi ngoba wayemnyama. UPapageno usisidenge eDie Zauberflöte kaMozart neMagic Flute yeSango Ensemble. UPapageno akafani noTamino; uTamino unokhanyo UPapageno weSango Ensemble wanxiba iyunifomu yasemkhosini, wacula ngesiNgesi kakhulu. UTamino noPamina nabanye abalinganiswa banxiba iimpahla zamaXhosa: izidanga neeqhiya nemibhaco neentsimbi njalo njalo. Bacula ngesiXhosa okanye ngesiZulu kakhulu.

I-ISango Ensemble yasebenzisa izixhobo ezahlukeneyo. Endaweni yeokhestra, abaculi badlala ii-marimba namagubu, bombela bengqisha ngezandla neenyawo. Bekukho ezinye izixhobo ezenziwe ngesandla, imizekelo iibhotile zeplastiki nemigqomo yenkunkuma. UMalefane wathi kufanele ukuba bezise imigqomo yenkunkuma yaseMzantsi Afrika ngoba eminye imigqomo iyaphuka. Wathi wayefuna ukuzisa iilokishi naye. Ngoko ke abaninzi abaculi bakhe bavela ezilokishini, badlala izixhobo ezenziwe ngesandla ezazivela ezilokishini. Abaculi baxhentsa imixhentso yamaXhosa. Xa le opera ibukelwe, i-opera nelokishi ziyeviwa.

U-Carmen eKhayelitsha nguGeorges Bizet (1875)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Le opera iculwe ngesiXhosa. U-Carmen ngoBizet baculwe ngesiFrentshi. U-Carmen ngoBizet wayeyimbali ngejoni, uDon José (okanye uJongikhaya ku-U-Carmen eKhayelitsha), elithanda ujipsy, uCarmen. Nangona uDon José wayethembise omnye umfazi, uMicaëla (okanye uNomakhaya kuU-Carmen eKhayelitsha), wamshiya nomsebenzi wakhe ngenxa kaCarmen. UCarmen wamshiya uDon José kwaye wambulala uCarmen.[4] KuU-Carmen eKhayelitsha, i-opera yenzeka eKhayelitsha, ilokishi eseKapa, endaweni yeSpeyin. NjengoCarmen waseSpeyin, uCarmen waseKhayelitsha wasebenza kumzi-mveliso womdiza.

Utshintsho oluncinci lubonakalisa inkcubeko yamaXhosa. UCarmen nabafazi asebenza nabo bacula kwikwayara kunye. Iilokishi zamaXhosa ezininzi zineekwayara. Xa uJongikhaya wambulala uCarmen, yena nekwayara yakhe babecula kukhuphiswano lwekwayara eOliver Tambo Community Hall eKhayelitsha. Kukhuphiswano lweekwayara, uCarmen nekwayara yakhe babenxibe iimpahla zamaXhosa. Babenxibe iiqhiya nemibhaco. UCarmen nabahlobo bakhe basela bacula eshibhini. Iishibhini zisezilokishini.[5][6]

Le opera yarekhodwa eKhayelitsha. Abaculi abaninzi bele opera bahlala ezilokishini ngoba i-Isango Ensemble yaqhuba iibhasi kwiilokishi ifuna abaculi. Xa ukurekhodwa kwefilimu yale opera kugqityiwe, abahlali baseKhayelitsha bayibukele kuqala. I-Isango Ensemble yabonisa ifilimu yale opera kwiholo yoluntu iOliver Tambo eKhayelitsha. Abantu abangaphezu kwamakhulu asixhenxe babukela umboniso wokuqala. Amatikiti axabisa iirandi ezilishumi.[7] Amatikiti okubukele i-opera yeCape Town Opera eArtscape Theatre eKapa okanye eBaxter Theatre eYunivesithi yaseKapa axabisa mhlawumbi iirandi ezamashumi amane okanye amashumi amahlanu. Ngoko ke, la matiki atshiphu; amatikiti eCape Town Opera aduru. IArtscape Theatre neBaxter Theatre zikude neKhayelitsha, kodwa abahlali abaninzi baselokishini abanazo iimoto, kufanele behambe ngebhasi okanye ngeteksi. Iibhasi neeteksi eziya kwiithiyetha zaseKapa ziduru. Ngoko ke, abahlali abaninzi baselokishini abazibukeli ii-opera eKapa ngoba zikude yaye ziduru. Kodwa Isango Ensemble yazisa i-opera eKhayelitsha. Xa ifilimu yayigqityiwe ukudlalwa eKhayelitsha, mhlawumbi iwaka elinamakhulu amahlanu abantu babebukele U-Carmen eKhayelitsha usuku ngalunye. Ngoko ke, abahlali baseKhayelitsha babeyithanda kakhulu ifilimu.[7]

Emva komboniso wokuqala eKhayelitsha, ifilimu yaboniswa emhlabeni wonke. Ngo2005 le filimu yaphumelela I-Golden Bear, ibhaso lefilimu, eBerlin International Film Festival eJamani. Yaboniswa eCannes Film Festival eFransi naseToronto Film Festival eKanada. Yaboniswa eMelika, eNew York naseBoston. I-Isango Ensemble yezisa IKhayelitsha kwihlabathi lonke.[8]

I-Isango Ensemble neCOVID[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UMalefane wafundisa ukucula eYunivesithi yaseKapa. Kwakunzima kubafundi bakhe ukuba baye eklasini yokucula kuZoom. Abafundi bakhe abaninzi bebengakwazi ukufumana indawo ethuleyo yokucula. Ngamanye amaxesha bangakwazi ukusebenizsa i-WiFi okanye i-data ngoba iphela msinya. Abanye banoxinzelelo lwengqondo.

Abaculi beIsango Ensemble babenobunzima ngenxa ye-COVID. I-Isango Ensemble yahlukile ngoba yahlawula abaculi bayo unyanka wonke. Iinkampani ze-opera ezininzi, eMzantsi nakwezinye iindawo, zahlawula abaculi ukwenza i-opera. Abaculi abahlawulwa xa bengaculi i-opera. Ngoko ke i-Isango Ensemble yahlukile ngenxa yezizathu ezibini. Okukuqala, yaqasha abaculi baselokishini. Okwesibini, yanika aba baculi umsebenzi osisigxina, hayi okwexeshana. Kodwa, ngenxa ye-COVID, Isango Ensemble yangakwazi ukucula ii-opera ezintsha. Ngenxa ye-COVID, aba baculi abakwazanga ukusebenza eminye imisebenzi. Ngoko ke babeneengxaki zemali. UMalefane nomyeni wakhe bahlawula abaculi babo ukuzirekhoda becula iingoma ze-opera. UMalefane wasebenzisa ezi ngoma zirekhodiweyo kwiiklasi zakhe zokucula eYunivesithi yaseKapa. Abafundi bakhe bamamela ezi ngoma zirekhodiweyo ukufunda iindlela yokucula i-opera. Ngoko ke, uMalefane nomyeni wakhe bakwazi ukunceda abafundi bakaMalefane nabaculi babo ngexesha le-COVID.

Iimpikiswano[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UMalefane nomyeni wakhe baqala i-Isango Ensemble ngoba zange bathande iindlela zokukhokhela zeenkampani ze-opera eMzantsi. Ngo2010, umyeni kaMalefane, uMark Dornford-May, wabhala inqaku kumaphephandaba nge-opera eMzantsi.[9] Wathi i-opera eMzantsi yaba nobuso obumhlophe ngoba abaculi nabaqambi babengabelungu yaye bangabahlalutyi be-opera abangakwazi ukuthetha iilwimi zaseAfrika. Abahlalutyi nabaqambi abaninzi babenomsindo kuDornford-May ngenxa yaloo nto. I-Isango Ensemble yagxothwa kwithiyetha yayo eKapa. Umntu owayesebenza kwithiyetha wathi i-Isango Ensemble yagxothwa ngoba ii-opera zayo azange zifumane imali eyaneleyo. Wathi zange igxothwe ngenxa yenqaku likaDornford-May.[10] UMalefane wathi ukugxothwa kwe-ISango Ensemble kwithiyetha yayo kufana nocalucalulo. Kodwa uMalefane wathi i-opera ayikho mhlophe, i-opera yeyakhe wonke umntu.

I-Bibliografi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Isango Ensemble Official Webpage" Isango Ensemble (in English) archived from the original on 2021-04-29 retrieved 2021-04-29  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  2. "The Magic Flute" Wikipedia (in English) 2021-04-20 
  3. Lösel, Steffen (2019) "Monostatos: Racism in Die Zauberflöte" Soundings: An Interdisciplinary Journal 102, no. 4: 275–324 – via JSTOR 
  4. "Carmen" Wikipedia (in English) 2021-04-14 
  5. André, Naomi (2018) Black Opera: History, Power, Engagement Champaign, Illinois: University of Illinois Press pp. 120–166 ISBN 9780252083570 
  6. Viljoen, Martina and Marita Wenzel (2016) "The Same, Yet Different: Re-encoding Identity in U-Carmen eKhayelitsha" Journal of the Musical Arts in Africa 1–2: 53–70 
  7. 7.0 7.1 Davies, James and Lindiwe Dovey (2010) "Bizet in Khayelitsha: U-Carmen eKhayelitsha as audiovisual transculturation" Journal of African Media Studies 2, no. 1: 39–53. – via JSTOR 
  8. "U-Carmen eKhayelitsha" Wikipedia (in English) 2021-01-20 
  9. Dornford-May, Mark (2010) "Working on the white face of theatre" Artslink archived from the original on 2021-04-29 retrieved 2021-04-29  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  10. "All-black SA acting company evicted from theatre" Mail & Guardian 2010  Unknown parameter |url-status= ignored (help)