Isaac Wauchope

Livela

U-Isaac Williams Wauchope (owazalwa ngowe-1852 watshaba ngowe-1917),umlungiseleli webandla, uchwepheshe wembali kwakunye nembongi, wayeyinkokheli ekrelekrele yeloxesha nowakhuthaza ogxa bakhe ukuba ‘bahlasele ngosiba’ U-Isaac Williams Wauchope wazalwa ngowe-1852 eDoornhoek cebukuhle neTinarha. Wayeyakuba lilungu legqiza laseNtshona Koloni leenkcuba-buchopho zaseAfrika ngeminyaka yamakhulu ali-19. walubeka uphawu lwakhe nje ngomfungiseleli webandla, Itsha-ntliziyo lezopolitiko, uchwepheshe wezembali kwakunye nembongi. Ngexesha eneminyaka engama-36 ngowe-1816, uJoseph Williams, iMishinari eScottish yamisela isikhululo seeMissionari esikufuphi nekhaya likaTamkhulu ka-Isaac ze banika usapho lwakhe ifani enguWauchope. Isusela kwindawo ekwimida yaseScottland, kufuphi eSouthdean. Ifani yekhaya lakhe yokwenyani yayinguCitashe. Ngaphandle koku, u-Isaac wayezinikele ekulondolozeli ubuni bomAfrika. Waye wava ngovulindlela weMissionari yabantu abangamaXhosa, uGqirha J.T. van der Kemp kwaye uyakufuna ngemisitho eqaphelekayo yembali kaMakhanda eGompo kunye nohlaselo eRhini. Umama kaMakhulu wakhe uTse kwakunye noMakhulu wakhe uMina babe ngabafundi baka Van der Kemp. Onke ke lamava alola indlela abona ngayo ilizwe jikelele. Uthe xa eneminyaka engama-24 ngomnyaka we-1876, uWauchope ubengomnye wabafundi abane baseLovedale ukukhenketha nombutho weeMissionari ukuya eMalawi ze ekuhlaleni kwakhe apho iinyanga ezintlanu wabuyiselwa ekhayeni ngenxa yokhohlokhohlo. uMakhi wenginqi. Uthe akube ebuyile wafudisa eTinarha kwaye omnye wabafundi bakhe wayesaziwa kakhulu ngobutsha-ntliziyo uCharlotte Maxeke. Uthe wakuba neminyaka engama-26 ze wabumba, wakhokela ekwaphatha elinye lemibutho yokuqala yopolitiko lama-Afrika, Imbumba Yamanyama. Lo mbutho wawuyakuba yimbangi nombutho iAfriker Bond eyasekwa ngowe1879. Ukwakhokele i- Independent Order of True Templars (IOTT) iminyaka emihlanu phakathi kowe-1893 nowe 1898. uWauchope ukwasebenzisene noJohn Tengo Jabavu kumkhankaso wokusengulwa kweDyunivesithi iFort Hare.

Imbongi ephum' izandla[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwinto engaphaya kweminyaka engamashumi amane, ukusuka kumnyaka we-1874, eneminyaka engama-22 ukuya kumnyaka we-1916 eneminyaka engama-64, uWauchope ebesakuya kubhala imibhalo engabalekiyo- izibongo zasebukhosini, amaculo,ezokhenketho, iintshumayelo, iinguqulo, isihobe, izibhengezo, imihlomlo, iindaba, ezembali kunye neembali ngobomi bomntu.

Ngomnyaka we-1882 kuCanzibe, wathi wanenxaxheba ngombongo wakhe wokuqala. "Ngumbongo ogqithisa isiyalo kwabo bafundayo ngokuvuselela ubugorha nokomelela kootatomkhulu babo ngakwimfazwe, unika ingxoxo eqingqiweyo," watsho Sonderling. Wawunesihloko esithi: "Hlasela ngosiba!"

Zimkil' iinkomo, mfo wohlanga!
Phuthum' uzihlangule! Phumthum' uzihlangule!
Shiya loo mfakadolo.
Sebenzis' usiba,
Thabath' iphepha neinki
Kuba likhaka lakh' elo
Ayemk' amalungelo wakho!
Qubul' usiba lwakho.
Ngxasha, ngxasha nge-inki.
Hlal' esitulweni.
Ungalungiseleli uHobo
Dubula ngosiba.

Ngomnyaka we-1891 nowe-1892, uWauchope wathi waququzelela ingxoxo ebhekisele kumaqhalo, kumculo kunye nembali edumileyo yamaXhosa, ezathi zayinxalenye ye-Imvo Zabanstundu. Emva kweminyaka engamashumi amabini, ngomnyaka we-1912, Imvo Zabantsundu yathi yapapasha ingqokelela yemibongo yakhe phantsi kwesihloko esithi, Ingcamango ebunzimeni.Ngexesha lakhe, wathi wabonwa njengenye yeembongi ezibalaseleyo zesiXhosa kuzo kukho oo [Wellington Gqoba], [Edward Krune Mqhayi], MK Mtakati no [Ntsiko].

USonderling umchaza uWauchope njengomntu: "...owayethetha phandle ngokufuna amalungelo wakhe kunye nesidima sabantu abantsundu baseMzantsi Afrika." Koogxa bakhe ungaphawula abafana no-Elijah Makiwane, [Knox Bokwe] kunye no [Tengo Jabavu].

UWauchope walandulela eli ngomhla wama-27 kweyoMdumba ngowe-1917 xa inqanawe awayehamba ngayo yafumana intlekele kuMjelo waseNgilani.

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Mkhize, K. 2008. Carrying the Cross: Isaac Williams Wauchope’s Ingcamango Ebunzimeni. MA Thesis, University of the Witwatersrand, pp.4-5.
  • Opland, J. and Nyamende, A. ed. 2008. Isaac Williams Wauchope Selected Writings. S.l: Van Riebeeck Society, p.xvii.
  • Sonderling, N.E. ed. 1999. New Dictionary of South African Biography Volume 2. Pretoria: Vista University, pp. 237-239.