Inyoka i-Ahaetulla fronticincta

Livela

Uswazi lwenyoka kaGünther's, yinyoka yevine yase-Burmese (i-Ahaetulla fronticincta) luhlobo lwenyoka efumaneka ematyholweni nakwezinye iindawo ezingenahlumo lwazityalo lungako,  ezinxuse imilambo ehambayo anamafukufuku emithi emincinane ikwiindawo ezigudle unxweme lwe-Myanmar (i-Burma).[1][2][3] Kukwakho noshicilelo lakudala oluvela koomakhelwane basemntla-mpuma ye-India (i-Assam ne- Darjeeling), kodwa ezi ziyakrokrisa kwaye le nyoka ayizange ibe kwezi ndawo ngokophando lwakutsha nje.[1][3] Ixhaphakile kwiindawo eqhele ukuhlala kuzo  ikwiqondo eyaziwa ngalo..[1]

Le nyoka isisiquququ apha emini, kwaye xa zondla kuphela ngokutshicela ityhefu  entlanzini. [1][2][3] Ibhityile, inobude obungange-mitha e-1 nekuz(iinyawo ezi-3) ngobude, ikwaluhlaza okwengca okanye ibebumdaka ngokombala, ibemthubi ngaphantsi.[2] Ikwa-ovoviviparous.[2]

Ukutya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Idla intlanzi kuphela. [1] Ithi xa iyinqakula emanzini intlanzi ibe ngelo xesha ihafu yomzimba wayo iwujijela kwisebe lomthi.   Olu hlobo lwale nyoka olunobungozi obungephi luthi lusakuyitshicela intlanzi ingakwazi ukuhamba. 

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 Wogan, G. & Vogel, G. (2012).
  2. 2.0 2.1 2.2 2.3 Das, I. (2010).
  3. 3.0 3.1 3.2 Reptile Database (2016).