Jump to content

Intsholongwane i-Zika

Livela
Intsholongwane i-Zika
Intsholongwane i-Zikairhashalala ngexesha lesifo esosulelayo se-Zika
Intsholongwane i-Zikairhashalala ngexesha lesifo esosulelayo se-Zika
irhashalala ngexesha lesifo esosulelayo se-Zika
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10U06.9, code change from 21 December 2015 U06.9, code change from 21 December 2015
ICD/CIM-9066.3 066.3
DiseasesDB36480
MedlinePlus007666
MeSHD000071243

Umkhuhlane i-Zika (ekwaziwa njengesifo sentsholongwane i-Zika) isisigulo esibangelwa yintsholongwane i-Zika.[1] Kwiimeko ezininzi ayinazo iimpawu, kodwa xa zikhona zidla ngokuba ngaphakathi kwaye zingafana nomkhuhlane i-dengue.[1][2] Iimpawu zingaquka umkhuhlane, amehlo abomvu, ukuqaqanjelwa ngamalungu omzimba, intloko ebuhlungu, kwanerhashalala ye-maculopapular.[1][3][4] Iimpawu zithatha ngaphantsi kuneentsuku ezisixhenxe.[3] Akukabikho kufa kuxeliweyo ngexesha lokuqalisa kosuleleko.[2] Usuleleko lwayanyaniswa ne-Guillain–Barré syndrome (GBS).[2]

Umkhuhlane i-Zika idla ngokusasazeka ngenxa yokulunywa ziingcongconi zohlobo lweAedes.[3] Isenokubangelwa lulosuleleko lwezifo zesondo ezihanjiswa ngesondo ukusuka emntwini ukuya kumntu atshate naye kwaye zikwanokusasazwa kukutsalwa kw(ama)egazi.[5][3] Izifo ezosulelayo kubafazi abakhululweyo nazo zingalosulela usana kwaye oku kudityaniswa nokuphuma kwezisu kunye ne-microcephaly.[1][6] Uxilongo lungokuvavanya igazi, umchamo, okanye amathe ukuqonda ubukho bentsholongwane ye-Zika RNA xa umntu egula.[1][3]

Uthintelo luquka ukunciphisa ukulunywa ziingcongconi kwimimandla apho senzeka khona isifo kunye nokusetyenziswa ngokufanelekileyo kweekhondom.[3][5] Imizamo yokuthintela ukulunywa iquka ukusetyenziswa kwezigxothi-zinambuzane, ukugquma ubuninzi bomzimba ngesinxibo, iinethi zeengcongconi, kunye nokususa amanzi awomileyo apho zinokuzala khona ngokutsha iingcongconi.[1] Alukho olusebenzayo ugonyo.[3] Abasebenzi bezempilo bacebisa ukuba abafazi abakwimimandla echaphazelwa 2015–16 uqhambuko lwe-Zika bakhe bathi xhaa ngokumitha kwaye abafazi abamithiyo bangatyeleli kule mimandla.[3][7] Ngelixa kungekho lunyango luthile, i-paracetamol (acetaminophen) inganceda ngeempawu.[3] Ukulaliswa esibhedlele akuyo mfuneko ixhaphakileyo.[2]

Intsholongwane ebangela esi sifo yaqala ukubekelwa bucala ngo-1947.[8] Uqhambulo lokuqala ukubhalwa phakathi kwabantu lwenzeka ngo-2007 kwi-Federated States of Micronesia.[3] iThemplethi:Ukusukela ngo, esi sifo besisenzeka kwingingqi ezingamashumi amabini zaseMelika.[3] Sikaziwa kwakhona ngokwenzeka eAfrika, eAsiya, nakwiPasifikhi.[1] Ngenxa yoqhambuko olwaqala eBrazil ngo-2015, i-World Health Organization yakubhengeza oku njenge-Public Health Emergency of International Concern ngoFebruwari 2016.[9]

  1. 1 2 3 4 5 6 7 "Zika virus" World Health Organization January 2016 retrieved 3 February 2016
  2. 1 2 3 4 "Factsheet for health professionals" Zika virus infection European Centre for Disease Prevention and Control archived from the original on 19 April 2016 retrieved 22 December 2015
  3. 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 Chen, Lin H.; Hamer, Davidson H. (2016) "Zika Virus: Rapid Spread in the Western Hemisphere" Annals of Internal Medicine ISSN 0003-4819 doi:10.7326/M16-0150 archived from the original on 2016-02-03 retrieved 2016-09-30
  4. Musso, D.; Nilles, E.J.; Cao-Lormeau, V.-M. (2014) "Rapid spread of emerging Zika virus in the Pacific area" Clinical Microbiology and Infection 20 (10): O595–6 PMID 24909208 doi:10.1111/1469-0691.12707
  5. 1 2 Oster, Alexandra M.; Russell, Kate; Stryker, Jo Ellen; Friedman, Allison; Kachur, Rachel E.; Petersen, Emily E.; Jamieson, Denise J.; Cohn, Amanda C. et al. (1 April 2016) "Update: Interim Guidance for Prevention of Sexual Transmission of Zika Virus — United States, 2016" MMWR. Morbidity and Mortality Weekly Report 65 (12): 323–325 PMID 27032078 doi:10.15585/mmwr.mm6512e3
  6. Chan, Jasper F.W.; Choi, Garnet K.Y.; Yip, Cyril C.Y. et al. (2016) "Zika fever and congenital Zika syndrome: An unexpected emerging arboviral disease" Journal of Infection ISSN 0163-4453 PMID 26940504 doi:10.1016/j.jinf.2016.02.011
  7. "Brazil warns against pregnancy due to spreading virus" CNN 24 December 2015 retrieved 24 December 2015
  8. Olson, Ken E.; Haddow, Andrew D.; Schuh, Amy J. et al. (2012) "Genetic Characterization of Zika Virus Strains: Geographic Expansion of the Asian Lineage" PLoS Neglected Tropical Diseases 6 (2): e1477 ISSN 1935-2735 PMC 3289602 PMID 22389730 doi:10.1371/journal.pntd.0001477
  9. "WHO Director-General summarizes the outcome of the Emergency Committee regarding clusters of microcephaly and Guillain-Barré syndrome" Media Centre World Health Organization 1 February 2016 retrieved 3 February 2016

Intsholongwane i-Zika