Ingxuba kaxaka

Livela

Ingxuba kaxaka okanye ingxaki yimeko ekunzima kakhulu ukumelana nayo. Eli gama libhekisa kwinto eng"umqobo" (into emi endleleni yakho). Ukuba abantu banengxaki, kufuneka bazame ukufumana indlela yokuyisombulula loo ngxaki. indlela yokuyisombulula ke kuthiwa sisisombululo.

Imizekelo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

"UJohn utshixele izitshixo zakhe ngaphakathi emotweni yakhe, khon'ukuze angakwazi ukuzifumana. Ngoko ke uJohn unengxaki".

Ingxaki zasekuhlaleni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Singathetha ngomntwana onee"ngxaki ezinxulumene nesimilo" sakhe. Oko kuyakuthetha okokuba abantwana abalolu hlobo benza izinto ngeendlela ezithi zikhube zide zivuse umnyele kwabanye abantu kanti basenokuzilimaza nabo ngokwabo ngenxa yesimilo sabo esibi, kungenjalo badale inyakanyaka nezivungu-vungu entlalweni yabantu.

Ngamanye amaxesha xa abantu bethetha ngabantu abahamba nzima ekufundeni nangabantu abanengulo ngokwasengqondweni ebangela okokuba babenokuzikhetha ebantwini, bathetha ngendlela abasebenzisa ngayo imizimba yabo nezinto ezibangqongileyo njengeendlela eziyingxaki kuba bazibona zinokuphazamisa okukhulu, kodwa usengumba wakwamkhozi okwangoku. Le miba ke yona ayikhathazi mntu kunjalo nje ingajonganga kuvusa mnyele, kuphela ibonwa nje ngendleyokuzityanda igila nokuzanelisa kwabantu abadala nabantwana abaqhuba ngolu hlobo- njengokuziphazamisa okanye ukuphinda-phinda izinto abazenzayo njengokususa iingcango neziciko okanye izivalo okanye balinganise nayiphi na intshukumo eyenzeka apho bakhoyo, intshukumo enjengeyeflegi xa kukho umoya ovuthuzayo.

Imizekelo yokuzonwabis[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

ezinye iingxaki zenzelwa ukonwaba. Ezi ke zifana nee-puzzles. Ezinye zazo zingasonjululwa ngelogic, ukanti ke ezinye zingasonjululwa ngofunisela okanye nge-heuristic.

Imizekelo ye-Mathematika[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Nanku umzekelo wengxaki ye-mathematika: "Ubudala bukaJohn buphinda-phinda kathathu obukaMary. Kwiminyaka emithathu ezayo, uJohn uyakube emdala ngokuphindaphindwe kabini kubudala bukaMary. Ingaba badala kangakanani uJohn noMary?" Impendulo kule ngxaki ithi uJohn mdala ngeminyaka elu-9 abe yena uMary eneminyaka emi-3 ubudala.

abantwana bayathanda ukusoloko benikana iingxaki ezinokusonjululwa "ngokusebenzisa ingqondo". oku kuthatha okokuba ukusebenzisa imibono endaweni yokusebenzisa ingqiqo ngokupheleleyo. Nanku umzekelo:

"UPeter, uRuth, uSamuel kunye noJessica bahlala endwini enye. uPeter kunye noRuth baphuma baya ngaphandle. Xa bebuya bafumana uJessica ethe natya sele ebanda, engqongwe zii-glasi. Babeqinisekile okokuba ngene nguSamuel owenze oku. Kwakutheni ukuze bangabizi mapolisa?" Impendulo yile: USamuel wayeyikati kanti yena uJessica wayeyintlanzi yegolide.

Iseyeyakwamkhozi ke le

Umzekelo owaziwayo wengxaki engenakusonjululwa ngowokwenza isangqa sijike sime okoxande - square - singafumaneka njani i-square esimphakathi waso okanye i-area yaso ilingana okanye ifana neyesangqa esinikiweyo, kusetyenziswa i-geometri.