Ingqondo

Livela
Ingobunzululwazi bengqondo

Ingqondo yenye yeendawo ezilapha emntwini ekucingwa, kuqiqwe, kwenziwe imibono, iminqweno, kunyeneemvakalelo. Kwezinye iinkolo abantu bacinga okokuba ingqondo yahlukene nomzimba kwaye ibizwa ngokuba ngumphefumlo (jonga idualism). Ngokwenzululwazi, le nto abanye abantu bathi yingqondo yenziwa ngokupheleleyo kukusebenza kobuchopho. Inkcuba buchopho yefilosofi uGilbert Ryle uyibiza ingqondo njenge"Sporho esikumatshini", kwaye izimvo zokuba yahlukile ebuchotsheni kwaba yimpazamo yo"Mthetho ogunyaziswe ngokwaseburhulumenteni ".[1][2]

Baninzi abantu abenza ingxwabangxwaba malunga nokokuba yintoni kanye le eyenza ingqondo. Abanye bathi kukuqiqa nokukhumbula kuphela okufumaneka engqondweni, kuba ziyingqiqo. ngokwalo mbono iimvakalelo ezifana nothando, ukucaphukela, ukoyika kunye nouvuyo zahlukile engqondweni. Abanye abantu abanalo mbono bathi iindlela zovakalelo ziyinxalenye yentliziyo. Abanye bathi imo yokuqiqa and neyeemvakalelo ayinakwahlukana kunjalo nje zonke kufuneka zibeyinxalenye yale nto kuthiwa yingqondo. Abantu basoloko besebenzisa ingqondo njengentsingiselo enye noku[[cinga: indlela esithetha sedwa ngayo "ngaphakathi kwiintloko zethu". Kulapho kukho iintetho ezithi "sebenzisani iingqondo zenu.", "tshintsah iingqondo zethu" kwanee[["ngqondo ezimbini" zivela khona. Enye yezinto zengqondo ebalulekileyo ngokwale ntetho kukuba isekhusini. Akukho mntu ungomnye u[[nokwazi iingqondo zethu."

  1. Ryle, Gilbert. 1949. The concept of mind. London: Hutchinson. p15–18 The absurdity of the official doctrine. ISBN 0-226-73295-9
  2. Pinker, Steven 2002. The blank slate: the modern denial of human nature. London/New York: Putnam Penguin. Chapter 1 The official theory: p8–11. ISBN 0-670-03151-8