Ingcali yezophando

Livela

Ingcali yezophando ngumntu osebenza ngobunzululwazi. Ingcali yezophando izama ukuqonda indlela elisebenza ngayo ihlabathi esiphila kulo kunye nezinto ezikulo. Iingcali zophando zenza uphando ngokuhlola, zibuze imibuzo, zize zenze uphando oluthe xaxe ngaloo nto kuphandwa ngayo, ngeenjongo zokufumana iimpendulo zemibuzo equletwe kolu phando.

zisebenza phi ezi ngcali?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ezi ngcali zisebenzela urhulumente, iinkampani, izikolo nakumaziko ophando. ezinye iingcali ziyatitsha/zifundisa kwiiyunivesithi nakwezinye iindawo nakumaziko oqeqesho zititshala, baze ke ngoko babeziingcali zophando. Iingcali zophando zisoloko zisenza amalinge ophando utheukuze bafumanise obona bunyani ngaloo nto kuphandwa ngayo, de ngamanye amaxesha bawaphinda-phinde laa malinge ophando okanye basebenzise iqela labangachukunyiswanga. Umsebenzi wobunzululwazi/wongcali uyenziwa nakumagumbi ophando. Ubukhulu becala iingcali ngabona bantu bathanda ukuba ngabantu abangakholelwayo kwinto yokokuba kukho ingangamela usomandla owongamele yonke umntu.