Indlovu ayisindwa ngumboko wayo
Appearance
Indlovu ayisindwa ngumboko wayo: "iqhalo" Sithi xa siyijongile indlovu le, umboko wayo ingathi wawungafuneki nganto, ngumthwalo nje ojongwe ngokuba ebekufanele ukuba yingxaki, kanti ke akunjalo, kuba unomsebenzi wawo. Kuthethwa ukuba wonke umntu umelwe kukuwuthwala umthwalo wakhe neengxaki zakhe, nokuba kukho iingxingo neenqwithelo ezinzima. Umzekelo "Kwafuneka atyathe isaka lakhe anyuke umnqantsa, abane ewubeka entloko. Indlovu ayisindwa ngumboko wayo."