Indlal' Inamanyala

Livela

Indlal’ Inamanyala ngosiba luka Mzwanele Lamati ngumdlalo omalunga nabafazi ababini ababe ngamahlwempu.Babethwala imithwalo yabanye abantu kwisikhululo seeteksi ukuze bakwazi ukusa into phantsi kwempumlo kwaye bafundise abantwana babo. Aba bantwana bathi sele begqibile ukufunda, kwanzima ukufumana imisebenzi.Bazibona bephantsi koxinzelelo lokunyoba isikhulu esasiqesha. Le ncwadi ikhethwe liSebe lezeMfundo esisiSeko ukuba ifundwe kwiBanga le-12 kwaye izalisekise zonke iimfuneko zePolisi yeKharityhulamu noHlolo (CAPS) zoLwimi lwaseKhaya eziphathelele kwiimviwo zesiXhosa zeBanga le-12.