Jump to content

Impela nyaka ngokwe khalenda yama Afrika

Livela

Ama Afrika akholelwa ukuba impela nyaka yawo ayikho ngenyanga yoMnga, u December, ingakumbi isizwe samaXhosa sikholelwa ukuba impela nyaka ingenyanga yeThupha ze eyoMsintsi ibe yinyanga yokuqala enyakeni. Iinkonde nenkondekazi zakwaXhosa zithi unyaka uqala xa kuqala iimvula zokuqala ezihlumisa izityalo zivundise nomhlaba ukuba ulungele ukuba kulinywe. Inyanga yoMsintsi ke yinyanga apho kuhluma kudubule khona izityalo zasendle, nengca ibeluhlaza kunye namahlathi. Eli ke lilixa apho kufaneleke ukuba kubhiyozelwe ukuqala konyaka kuba indalo ebinxunguphele iphinde yadlamka, ilanga likhanya njengesiqhelo liyekile ukungcangcazela njengasebusika.

intyatyambo ebusika

Lo mfanekiso ungasekhohlo ngumzekeliso wezityalo nendalo ukuba iba kwimeko enjani na ebusika. Ixesha lasebusika libonisa indalo ephelelwe lithemba ze ibuyele emandleni xa kuqala unyaka. Ukuba uyaqaphela xa kusebusika unintsi lwabantu imizimba iyaqhosheka, abasebenzayo ibangase bahlale ezindlini neentsapho zabo kothiwe umlilo. Ewe kaloku lixesha lokuzila kuba indalo iyalila, ilanga nokukhanya kusifulathele. Imizimba ithi idlamke kwakhona ngenyanga yoMsintsi kuba ilanga nokukhanya kubuyile kwakhona kwaye nendalo idlamkile. Inkcazelo yama Afrika ke ithi unyaka awunakuqala ngenyanga yoMnga kuba ihlobo sele kukudala lithwasile yaye nezityalo kudala zihlumile. Inyanga yoMnga yi krismesi yamanye amazwe hayi ama Afrika. Ngoko ke, ngokwama Afrika alandela ikhalenda yookhokho, ngoku sikwilixa lokuphela konyaka, inyanga ezayo izakuba kukuqala konyaka omtsha, unyaka omtsha ke wesizwe esintsundu, yi 24 September ebizwa ngokuba yi ‘’Heritage Day’’ kwi khalenda elandelwayo[1]. Isizwe samaXhosa siye sinyuke intaba ke ngolusuku siyobhiyozela ukubuya kokukhanya nelanga, kunye nendalo. Kuye kuyiwe ezintabeni ukuyobulela umdali u ‘’Thixo’’ kucelwa neentsikelelo zonyaka omtsha, iintaba ke kukholelwa ukuba umdali asondele kuzo kuba ziphakamile. Ukanti ezinye izizwe ezintsundu lomhla ziwubiza ngokuba yinzalo yelanga, baye banyuke intaba yenzalo yelanga apho bebhiyozela ukuzalwa ngokutsha kwelanga. Lombiyozo ubanjelwa eMbombela eMpumalanga kuba imbali ithi ilanga lazalelwa kulentaba. ngoko ke kulapho kumele ama Afrika adibane khona xa kuqala unyaka. [2][3]

  1. Newzroom Afrika (2021-09-24) What is the significance of the African New Year? 
  2. "JOURNEY OF REDISCOVERY – AFRICAN NEW YEAR AT INZALO YE LANGA – Kemet Tours" (in en-US) 2022-09-08 retrieved 2024-08-04 
  3. Newzroom Afrika (2020-09-19) The spiritual significance of equinox and Inzalo Ye Langa as a site of African heritage