Jump to content

Ilungu:Lomzix

Livela

UJohn Solilo waazalwa eMgwali, isikhululo semishini esinelifa lencwadi eqinileyo, nge-1 kweyoMqungu, ngokutsho kukaJabavu (1936). Nangona kunjalo kwi sifi esibhalwe nguVulidlela, uSolilo waazalwa eMdizeni kwi-district yaseQonce ngo-1866. Ilitye lakhe lengcwaba libhala iminyaka yakhe yokuba eswelekile engu-76, ngoku ke inokuba waazalwa ngo-1864. Njenge lungu lamaCirha, wayesaziwa njengoQhanqolo, njengesinye isinyanya sakokwabo. Ukhulele eziHlahleni (Debe Nek) waze wafunda isikolo eMdizeni naseMgwali. Ngo-1888 waabhalisa kwi ziko eLovedale apho waaphumelela ukuba yititshala ngo-1891. Emva kweminyaka emine eseKimberly usuka ku-1900 ukuya ku-1903 uye wabuyela entshona koloni, watshata, waze wafudukela eKapa. Njengokuba ekhonza iAnglican icawa njengomfundisi, uye waqhubekeka ngezifundo zakhe zobufundisi kwi mishini yaseSaint Matthews kude kufutshane kuneKeiskamahoek; wenziwa idikoni ngo-1910 waze wamiselwa kweyeSilimela ngo-1916. Waaphangela eHershel (1910-13), ePeddi (1913-17), eRhafu (1917-19), eHershel okwesibini (1919-20) emva koko nase mishini yaseSt Andrews eKomani (1920-23), kwi mishini yaseSt Peter's eCradock (1923-28) kwaye, ekugqibeleni, eAnne's mishini eRhini usuka ku-1928 de ekufeni kwakhe kweyoMqungu ngo 1940. Amaxesha jikelele, abo babhala ngoSolilo bathetha ngegalelo lwakhe kuluntu aluncedileyo, kanye nokukhululeka kwakhe kucalucalulo, ngakumbi kwintsebenziswano yakhe nabantu bakwaXhosa namaMfengu, apho phakathi kwabo kwakukho ubutshaba obukhulu.

Tom, E. 2023