Ikarati

Livela
Umfundi wekarati unxibe ikarategi.

Template:Nihongo bubugcisa bamaJapane .[1] Yaqala kwindawo eyayisaya kuba bubukumkani bamaRyūkyū kwindawo ebizwa namhlanje nje ngeOkinawa Prefecture.

IKarati isebenzisa onke amalungu omzimba njengesixhobo esifana nesandla, inqindi, ingqiniba, umlenze kunye nedolo. Mathathu amacandelo okuqeqesha kwikarati:

  • Template:Inihongo kufundwa isiqalo sobuchule bayo;
  • Template:Inihongo kufundwa ngobunjani bayo; indlela ezilandelana ngayo izinto kulo mdlalo, nendlela ekusetyenziswa ngayo ubuchule;
  • Template:Inihongo kufundwa okokuba ubusebenzisa njani ubuchule xa usilwa.

imbali ngekarati[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UGichin Funakoshi, utitshala wesikolo owayesuka kwisiqithi saseOkinawa, waqala le karati emainland eJapan ekuqaleni kweminyaka yoo1900.[2] Ikarati yemveli yahlukile emanqindini, kwiwrestling nakwi kickboxing: kwikarati, okubalulekileyo ngamandla engqondo nembeko njengoko zikumandla omzimba.

IKarati yaduma yaziwa kulo lonke ilizwe ngenxa yokokuba yayidlalwa kwiimovie ngeminyaka yoo1960 noo1970. Kungoku nje wonke umntu kwihlabathi jikelele ufunda ukudlala ikarati.

Emva kwemfazwe yehlabathi esi-II, iKarati yabanodumo eKorea, apho yayisaziwa phantsi kwegama elithi "tangsudo". igama lekarati elipheleleyo yi"Karate-do" nto leyo ethetha ukuthi "icebo ngezandla ezi zingenanto" ngesiNgesi.

zininzi izikolo neentlobo zekarati, nazi ezinye zazo:

umntu odlala ikarati kuthiwa yi"karateka".[3] Abantu bekarati abaziwayo baquka aba: uGichin Funakoshi, uYoshitaka Funakoshi,[2] uShigeru Egami, uMasutatsu Oyama, kunye noFumio Demura.

Impahla yeKarati[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Template:Imidlalo

Amabhanti ekarati amibala-bala.

xa abantu befunda ikarati, banxiba impahla elungiselelwe oko ekuthiwa yikarategi. Ikarategi iba ngumntla omhlophe kunye nomzantsi omhlophe. Abantu abafunda ukudlala ikarati nabo banxiba ibhanti elimibala-bala, mibala leyo ixelela abantu okokuba ukwiliphi na inqanaba, ixeli okokuba ukwazi kangakanani na. Abantu ababini abanxibe amabhanti anemibala eyahlukeneyo akuthethi kuba banexesha elingakanani bedlala ikarati kodwa baqeqeshwe kangakanani na kwikarati.

Izikolo ngezikolo zekarati zinemibala yamabhanti eyahlukeneyo ngokwamanqanaba abo. Awunakuze wazi okokuba badlala kangakanani na de ubabuze okanye wazi okokuba ingaba izikolo zabo ziyicwangcisa njani na imibala yamabhanti yazo ngokwamanqanaba abo. Ngokwesiqhelo ibhanti elimnyama lelabafundi abazama ngako konke abanakho ukuba babe ngabona bona ixesha elide. time.

Ezinye izikolo zimabhanti amnyama akumazinga amaninzi. Oku zikubonakalisa ngokuthi zibenemigcana emifutshane emhlophe, ebizwa ngokuba ziiDan, kanye ekupheleni kwelinye icala lebhanti, ukuze umntu abe kwizinga lebhanti elimnyama kufuneka, umzekelo, aben"amabhanti eDan amnyama abema-3" uyakuba nebhanti elimnyama eliphawulwe ngemigcana emifutshane emhlophe, kwaye uyakuba kwinqanaba elingaphezulu kunalowo "unebhanti elimnyama eliphawulwe nmgca omnye weDan ".

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 1.5 Nussbaum, Louis-Frédéric. (2005). "Karate" in Japan Encyclopedia, p. 482.
  2. 2.0 2.1 Nussbaum, "Funakoshi Gichin" at p. 220.
  3. Nussbaum, "karateka" at p. 483.