Iiprinciples

Livela

Sithetha ngantoni xa sithetha ngeeprinciples?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-principle ngumthetho okanye umgaqo obekiweyo omawulandelwe okanye ubanjwe ngabo bantu ubekelwe bona. I-principle isenokuba sisiphumo sento elindelekileyo nefanelekileyo ukuba yenzeke, njengemigaqo ezenzekelayo endalweni, okanye indlela eyakhiwe ngayo loo nto kuthethwa ngayo. Iiprinciples okanye imigaqo yaloo nto kuthethwa ngayo ingaqondwa ngabo bantu bayisebenzisayo okanye ngabo bantu bakwicandelo layo nje ngolona phawu lwenkqubo yabo. Zibonisa eyona njongo yokwakhiwa kwaloo nkqubo okanye loo nto kufundwa ngayo, kutsho kujongwe okokuba ziyasebenza na, okanye zingasebenziseka na, nto leyo engenakwenzeka xa kuye kwathi kanti kukho enye yeeprinciples okanye yemithetho, okanye yemigaqo ethe ayahoywa okanye ayasetyenziswa.

Eyona nto ibalulekileyo nge-logic yeyokokuba yona ijongene neeprinciples ze-correct reasoning. Ukuze siqonde kakuhle ngentsingiselo nendlela esebenza ngayo i-logic, makhe siyithelekise neye-psychology of reasoning. Ngamanye amazwi, makhe sijonge umahluko phakathi kwe-'logic' ne-psychology of reasining. Phambi kokuba senze oko masazi okokuba umntu ofunde nzulu nge-logic reasoning ubizwa ngokuba yi-logician, kanti lowo ufunde nzulu nge-psychology of reasoning ubizwa ngokuba yi-psychologist.'

Umahluko phakathi kwe-logic ne-psychology of reasoning[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-logic I-psychology of reasoning
Umntu ofunde ngayo yi-Logician Umntu ofunde ngayo yi-Psychologist
Kufundwa ngee-principles ze-correct reasoning Kufundwa ngezona ndlela abaqhele ukucinga ngazo abantu, nditsho neempazamo abazenzayo kokokuqiqa kwabo.
I-logic reasoning isixelela ngendlela emasiqiqe ngayo okanye emasizisebenzise ngayo iingqondo zethu ukuba sifuna ukuseka iingqiqo zethu phezu kwento eyiyo ngendlela efanelekileyo Example Isixelela ngeyona ndlela baqiqa ngayo abantu nditsho neempazamo abazenzayo.
Ukuba ngenene abantu bayayilandela na le mithetho ye-correct reasoning ngumba wophando lowo, into engenanto yakwenza ne-logic Ibe yona i-psychology of reasoning kwelinye icala iyiscience yophando.