Igolide

Livela
Igolide inugget, igama elinikwa iqhekeza legolide elifumaneka ngokwendalo. kodwa le igolide eyinugget inkulu.

Igolide sisimbiwa'' esithambileyo, esinobunzima, nesimenyezelayo. Isetyenziswe ngabantu amawaka-ngamawaka eminyaka kwihlabathi lonke jikelele, ukwenza ijewelary, ukuhombisa, nokwenza imali. igolide yayibalulekile kuba yayinqongophele, kananjalo kulula ukuyisebenzisa xa kuthelekiswa nezinye izimbiwa. Ikwasetyenziselwa ukungciba amazinyo nakwizixhobo zeentambo zombane ezifana neecomputer. umbala wale metali nawo kuthiwa golide.

Iindlela ekwembiwa ngayo igolide ifana nqwa naleyo kwembiwa ngayo ezinye izimbiwa. Ixabiseke kakhulu igolide kangangokuba ukufunyaniswa kwendawo entsha yesi simbiwa ide yenze ngamanye amaxesha ugxabhagxabhiso ekuthiwa yi''gold rush''

Iimpawu zekhemikhali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwa-Khemestri, igolide ngumba wekhemikhali 79, isimbiwa esigqithisayo seQela le-11. Inobunzima beatom obuli- 199.96 a.m.u. Uphawu lwayo yiAu, livela kwigama kwisiLatini legolide, i-aurum. Sisimbiwa esi noble oko kuthetha okokuba sinechemical reactivity ephantsi.

Igolide ithambe kakhulu. Igoldsmith Ingayikhanda ngesando itsho ibengamacwecwana abhityileyo. ikwatshintsheka, loo nto ithetha okokuba isengatsalwa ibelucingo. xa isetyenziswa emalini okanye kwijewelry, isoloko ixutywa nesilivere okanye nezinye izimbiwa ukuze ibe buqina.

Uninzi lwezimbiwa zingwevu ngebala. Igolide iqanda ngenxa yendlela ezisebenza ngayo ii-electron.[1][2] Esinye isimbiwa nekukuphela kwaso ukusoloko sisetyenziswa nesingekho ngwevu ngombala yicopper.

Ulwimi nenkcubeko[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

uNancy Johnson kwiOlympiki nembasa yakhe yegolide

Igolide ingathetha okokuba into ethile okanye umntu othile wenza kakuhle kakhulu okanye uqhube kakuhle kakhulu. Imbasa yegolide isoloko inikwa umntu ophume phambili kugqatso okanye kukhuphiswano lwezemidlalo.

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Relativity in Chemistry" Math.ucr.edu retrieved 2009-04-05 
  2. Schmidbaur, Hubert; Cronje, Stephanie; Djordjevic, Bratislav; Schuster, Oliver (2005) "Understanding gold chemistry through relativity" Chemical Physics 311 (1–2): 151–161 Bibcode:2005CP....311..151S doi:10.1016/j.chemphys.2004.09.023