IZenzo

Livela

Kwincwadi yam iyandulela le, Theophilus, ndibhale ngako konke akwenzileyo nakufundisileyo uYesu,kude kuyotsho kumhla athe wanyuselwa ezulwini, emveni kokuba ebayalele abafundi ngoMoya Oyingcwele. Emva kokungcungcutheka kwakhe uye wazibonakalisa kubo ebanika ubungqina obungathandabuzekiyo ukuba ngenene uyaphila. Wabonakala kubo ithuba elingangentsuku ezingamashumi amane, ethetha ngobukumkani bukaYehova. Ngesinye isihlandlo xeshikweni esidla nabo, wabanika lo myalelo "hlalani ningemki eYerusalema nilinde isipho eso uBawo ebenithembise ngaso, enindivileyo ndithetha ngaso".

Ngokuba uYohane wabhaptiza ngamanzi,kodwa kungentsuku zatywala niyakubhaptizwa ngoMoya Oyingcwele. Badibaniselana kuye bambuza bathi "Nkosi, ingaba uzobubuyisa kwangoku ubukumkani bamaSirayeli?" wathi yena kubo; "ayikokwenu ukwazi ilixa nomhla uBawo alimisileyo ngegunya lakhe. Kodwa niya kwamkela amandla xa athe wahlela kuni Umoya Oyingcwela, yaye niyakuba ngamanqgina wam eYerusalem,kwaYuda, eSamaria ukuya kutsho eiphelweni sehlabathi.

Emva kokuba ethethe oku waxhwilwa phambi kwamehlo abo waze wafihlwa lilifu emehlweni abo. Baye beqwalasele esibhakabhakeni njenkoko wayenyuka, kwathi ngesiquphe kwabonakala amadoda amabini enxibe ezimhlophe eme ecaleni kwabo. Athi "madoda aseGalili nama najonga esibhakabhakeni? lo Yesu uthwathwe kuni waya ezulwini uyakuphinde abuye kwangalendlela nimbone ehamba ngayo."