ICawa emZantsi Afrika

Livela

Ukufika kweecawa emaZantsi e-Afrika[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngaphandle kwehlelo lase Moravia elafika eMzantsi Afrika ngonyaka ka-1736, elona hlelo letyalike elafika kuqala apha emaXhoseni leli laseRhabe, kuba umfundisi walo wokuqalo uNyengane (UmFundisi uJohn Thodosius van der Kemp. M.D) wafika ngonyaka ka-1799. Emva koko kulandele amaWesile ngonyaka ka-1815, ngokufika komfundisi uBarnabas Shaw owaya e-Little Namaqualand (kwelamaQwelane). Oyena mfundisi wamaWesile owafika kuqala kwelasemaXhoseni, ngumFundisi u-William Shaw ngonyaka ka-1820. Intshumayelo yakhe yokuqala wayishumayela eRhini, endlwini kaSeargent-Mayor Lucas. Emva kwamawesile kulandele amaTshetshi kwangonyaka ka-1820. Abafundisi abo basetshetshi baathunyelwa ngumbutho owawusaziwa ngokuba yi-S.P.G (Society of the propagation of gospel). Emva kwayo kwalandela i-i.U.P [[(United Presbyterian}]] eyathumela umFundisi uWilliam Chalmers, umfundisi wayo wokuqala, ngonyaka ka-1821. UmFundisi Tiyo Soga waafunda phantsi komfundisi uWilliam Chalmers lowo.

Kwangawo loo nyaka yaqala i-Free Church (kwango-1821) ngokuthumela abafundisi umnumzana uThomson nomnumzana uBennie, abafundisi bokuqala. Kulandele iFrench mission eLusuthu (Basutoland) ngonyaka ka-1833. Emva kwayo kulandele amaLutha (Lutherans), ngonyaka ka-1834; neBerlin Mission kwango-1834 lowo. Iiprimitive Methodists ziqale ngo-1870; iBaptists zona zaqala ngo-1879; amaSalvation wona aqala ngo-1887.

Baqonda ke abalesi okokuba kungenxa yokokuba kufikwe kuqala kweli lasemaXhoseni okwabanga ukuba eli Hlelo laseRhabe laziwe kakhulu kumaziko eenkosi zamaXhosa. Lelona Hlelo lamkelwayo ziinkosi zamaXhosa, kwathiwa yoba yeyona tyalike yamaRharhabe. Bathe abantu bebala (amaLawu) ngokunqatyelwa bubude beli gama lithi Rharhabe, asele esithi, "Rabe kerk," oko kukuthi ityalike ka"Rharhabe," yamaRhabe. Yhiyo loo tyalike ke le kuthiwa ngoku yiDipente."

Abo beFundisi bafika belandelelana ngolu hlobo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngo-1799:UmFundisi uJohn T. van der Kemp, M.D[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika kwelasemaXhoseni ngomhla we-10 kweyeKhala. Ngomhla we-14 kweka-Canzibe ngonyaka ka-1801 wenjenjeya ukuya eRhafu. Akaphozisanga maseko, ngonyaka ka-1803 umise isikolo sase-Bethelsdorp. Waabhubhela eKapa ngonyaka ka-1811.

Ngo-1799. UmFundisi John kitcherer[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Lo waaba ngumfundisi wokuqala kubaThwa (Bushmen), waawela igqili, waqala umsebenzi phakathi kwamaGriqua. Nonyaka ka-1803 uwele wabuyela emva Phesheya koLwandle ehamba namaLawu amathathu aguqukileyo.

Ngo-1800. UmFundisi uJames Read[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waaqala umsebenzi eKuruman, waamisa isikolo samaLawu eKatala, ngo-1829. emva koko wawela waya Phesheya kunye namadodana amaLawu amabini aguqukileyo. Ubhubhele eMpofu ngemfazwe kaMlanjeni (Ngonyaka ka-1852).

Ngo-1800. UmFundisi uWilliam Anderson[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waamisa isikolo samaGriqua phesheya kweGqili ngonyaka ka-1801; uye ePacaltsdorp apho wafika wamisa isikolo ngonyaka ka-1821, waza wathi igama laso yiPacaltsdorp, esithiya ngomFundisi uCarl Pacalt owaqala umsebenzi kweso sithili ngonyaka ka-1813.

Ngo-1805. UmFundisi uJohn G. Ullbright[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waamisa isikolo saseTapolisi (Theopolis) ngonyaka ka-1814.

Ngo-1816. Umfundisi uJoseph Williams (UVelidyam)[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika waqala umsebenzi ngaseKatala ngonyaka ka-1818. Waabhubha wangcwatyelwa ngaseGqugesi.

Ngo-1817. UmFundisi okwangugqirha uRobert Moffat[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waamisa isikolo phakathi kwamatshwana (Bechuanas). Waaguqula iTestamente yokuqala yesiTshwana (ngonyaka ka-1939), waza wayiguqula yonke ibhayibhile yesiTshwana ngonyaka ka-1857. Waya kwaMzilikazi ngonyaka ka-1854, wathi kwangaloo ka-1857 waya nakwelamaNdebele.

Ngo-1817. Umfundisi uJohn Brownlee[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika wamisa isikolo phakathi kwamaTshatshu (i-Brownlee station) ngonyaka ka-1826. Kuthe ngonyaka ka-1835, satshiswa ngoondiyalwa ngenfazwe kaHintsa, waza yena wabaleka komkhulu waya kwa-Phatho. Lithe lakuxola wabuyela kwaseGqubeni, koko sibuye satshiswa isikolo sakhe kwakhona ngemfazwe yeZembe eyayingonyaka ka1816. Ubalekele eNgqushwa. Waabuyela kwasenxiweni ngonyaka ka1848, wahlala wada wabhubhela eQonce ngonyaka ka-1871.

Ngo-1819. UmFundisi uJohn Phillip, D.D[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waamiselwa ukuba abe ngumongameli weetyalike zaseRhabe ezikwelasemaXhoseni.Emva kwemfazwe kaHintsa eyayingo-1836, waawela nonyana kaNgcongolo omdala (uJames Read junr.), owayesiya kufunda esikolweni Phesheya. Uwele noJan Tshatshu (inkosi yamaNtinde), no-Andries Stoffles iLawu laseKatala. Ubuye Phesheya nomfundisi u-G. Schreimer, noJan Tshatshu. Ubhubhele eHankey ngo-1851.

Ngo-1823. UmFundisi u-Adam Robson[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika waqala umsebenzi eBhayi apho afele khona ngo-1870. Wayengumfundisi wamaBhastile.

Ngo-1823. UmFundisi uRogers Edwarts[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika waya kusebenza e-Pacaltsdorp. Weesuka apho wayakusebenza eThapholisi (Theopolis); wesuka apho naanko esiya eKuruman, wathi ukugqibela wabuyela eBhayi apho waqala khona ibandla leskikhumbuzo sikaEdwards(i-Edward's Memorial Church), bandla elo lalilibandla laserhabe ngonyaka ka-1856. waabhubhela khoba ngo-1876.

Ngo-1827. UmFundisi uFrederick Gottlieb Kayser[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waafika ngalo nyaka umFundisi lo, uGqadushe omdala owamisa le tyalike yaseRhabe iseXesi ngowe-1836. Waabhubhela khona ngomhla we-13 kuCanzibe ngowe-1868.

UmFundisi Geo. A. Kolbe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waqala umsebenzi kumlambo weKhaledon (Caledon Rive).

1837. UmFundisi uJames Read[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Lo ngunyana kaNgcongolo omdala. Waya kuthabatha indawo kayise eKatala. Waabhubhela khona ngo-1894.

UmFundisi uGottlieb Schreimer[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waqala umsebenzi ePhilipois. Emva koko uthunyelwe eThaba-Nchu, eLusuthu. Ngo-1846, waya kungena kwiHlelo lamaWesile.