I-subatomic particle

Livela

I-subatomic particle yi particle encinane kuneatom. Oku kuthetha okokuba incinane kakhulu. Njengee-atoms neemolecules, i-subatomic particle incinane kakhulu kangangokuba ayinakubonakala ngamehlo enyama. Inika umdla omkhulu kwiingcali zophando ezisoloko zisiwa zivuka zifuna ukuqonda kangcono ngee-atoms. Ezona zi-subatomic particles ekuphandwa kakhulu ngazo zezi zenza ii-atoms: ii-protons, ii-neutrons, kunye nee-electrons. Izifundo esingee-subatomic particles sibizwa ngokuba yi-particle physics.

Ezi-particles zisoloko zibambene phakathi kwi-atom ngenye yeziseko zezamandla okutyhala (i-gravity, i-electromagnetic force, i-strong force, okanye i-weak force). Kumphandle we-atom ii-particles zisoloko zihamba ngesantya esiphezulu nangakumbi, kufuphi nesantya sokukhanya isantya esiletsheza okombane.

Ii-Subatomic particles zahlulwe kubini, seseeBaryons neseeLeptons.

IiBaryons zenziwe ngeequarks ngeli lixa zona ii-Leptons kucingelwa okokuba ziphakathi kwee particles ezincinane, ekuthiwa ziielementary particles. Ii-Baryons zinikwe inani lokunombola i-Baryon. Kwiintshukumo ezithile, inani eliyinombolo ye-Baryon kufuneka igcinwe, oko kuthetha okokuba omabini amacala entshukumo, elisekuqaleni nelisekugqibeleni kufuneka anonjolwe ngenani lee-Baryons elinye. Ii- Baryonic particles zenziwe ngomxube we-quarks ezi-3 kwezin-ntandathu, eziphakathi kwee-particles ezincinane. Iintlobo zee-quraks ezintandathu eziphezulu, neziziphantsi, (zenza ii-protons nee-neutrons), ii-strange, ii-charm, umphezulu, nomzantsi.

IiLeptons zithande ukubancinane kunee-Baryons. Olu luhlu luquka ii-electrons, ii-Muons, ii-Taus kunye nee-neutrinos. Ii-Leptons azenziwanga ngee-quarks kwaye azahlulahluleki.