I-keyboard

Livela
Uhlobo lwe-keyboard yekhompyutha olubizwa ngokuba yi-QWERTY neyenziswa e-US.  

Ibhodi ekuchwethezwa kuyo (i-Key-board)  sisixhobo sokufaka ulwazi (y-input device) ngokuthi sivumele umntu akwazi ukufaka ekhompyutheni iimpawu okanye iisimboli ezifana noonobumba kunye namanani. Le bhodi sesona sixhobo sibaluleke kakhulu ekufakeni ulwazi kwiikhompyutha ezininzi.  

Ii-keyboards zizintlobo ngentlobo, kwaye namaqhosha azo zibekwe alandelelaniswa  ngeendlela ezahlukeneyo.  Olona hlobo lwaziwayo lolulusisakhiwo esiyi- lwe-QWERTY, nolusekwe kwibhodi yamaqhosha ekhompyutha yokubhala ngokuchwetheza. Uhlobo lwe-QWERTY yeenziwa ngolu hlobo ukuze oonobumba abasoloko besetyenziswa bangaxingi kumatshini wokuchwetheza. Kungoku nje abakho abanye abachwethezi  kodwa lona olu hlobo lusekho kuba abantu babesele beluqhelile.  Ibhodi enamaqhosha okuchwetheza i-ergonomic iyenzelwe ukuba kubelula ukuba isetyenziswe ngabantu, ngaphandle kokuba bazenzakalise ezandleni okanye kwiingalo zabo. Ibhodi enamaqhosa okuchwetheza ingabhala ngokuchwetheza oonobumba, amanani kunye neziphawuli eziziziphumlisi, ize ikwenze ukwazi ukulawula ikhompyutha, usebenzisa amaqhosha awodwa ashe ngeqhosha elithi QALISA (START), kunye namaqhosha okwalatha.  Ibhodi yamaqhosha ekhompyutha i-Dvorak lolunye uhlobo olungasetyenziswa endaweni yolu. 

Ibhodi yamaqhosa ekhompyutha isoloko ixhunyaniswa kwikhompyutha ngesiza se-USB.

I-Keystroke yoku-logga inqakula ukushicilelwa kweqhosha ngalinye elithe lacofwa. I-Keystroke yokulogga ingasetyenziswa ukhangela okanye ukumenta iintshukumo zabasebenzi.   Ii-Hackers nazo zisenokusebenzisa i-keystroke yokulogga. Iingcali zaafumanisa okokuba uninzi lwezitshixo zebhodi yekhompyutha zikhupha i-electromagnetic radiation enokusetyenziswa ukuze zintame amaqhosha acofiweyo. Iimpukane eziluhlaza zingabona okokuba yintoni na eye yachwethezwa ngobhulisa loo maqhosha zikuloo ndawo zikuyo.  [1][2]

Abaphandi bafunda bekwaphicotha into yokokuba ingaba amaqhosha ebhodi yephompyutha angazisasaza na izifo zekhompyutha ezikumila kunje. amanye amaqhosha ebhodi yekhompyutha aafunyanwa eneentsholongwane ezingaphezulu ngokuphindaphindwe kahlanu kunezo zikwisihlalo sendlu yangasese. [3]

Iimpawu ezikhoyo kwibhodi yekhompyutha zezo zolwimi lwengingqi ngokubanzi, nangona iimpawu ze-ASCII zinento yokuba zibekho kuyo yonke indawo. 

Iimpawu ezikwibhodi yolwimi lwesiNgesi zezi:  1,2,3,4,5,6,7,8,9,0,-,=,q,w,e,r,t,y,u,i,o,p,[,],a,s,d,f,g,h,j,k,l,;,',#,\,z,x,c,v,b,n,m,.,/,!,",£,$,%,^,&,*,(,),_,+,Q,W,E,R,T,Y,U,I,O,P,{,},A,S,D,F,G,H,J,K,L,:,@,~,|,Z,X,C,V,B,N,M,<,>,? kwaye amanye amaqhosha akenzelwanga ezi mpawu. 

Amaphepha anxulumene nala [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

References[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Lasewww.epfl.ch" archived from the original on 2019-09-25 retrieved 2016-08-18 
  2. "Newscientist.com" archived from the original on 2016-08-01 retrieved 2016-08-18 
  3. http://abcnews.go.com/Health/Germs/story?id=4774746&page=1