I-diffusion

Livela
Umzobo obonisa indlela eyenzeka ngayo i-diffusion.   Umzobo wokuqala ubonisa ii-particles ze-liquid. Owesibini ubonisa kwale liquid, emva kwemizuzu embalwa xa sele ii-particles zithe saa kuyo.  

I-diffusion eyenzeka ngokweenkqubo ezimbini: e-chemical ne-biological, ii- molecules zihamba zingumthombo zisuka kwinto okanye kwindawo ethile , esingathi  (ngamanye amagama apho kuqhuma khona) yi-high concentration (apho zininzi khona ezi- molecules) zisiya kwindawo echazwa ngokuba i-low concentration (apho ke zimbalwa khona ezi molecules).[1]

I-diffusion idla ngokwenzeka nge-gas okanye nge-liquid. Kuyenzeka okokuba uyibone i-diffusion isenzeka xa ii-liquids ezimbini zixutywe kwizitya ezi-transparent. Ichaza intshukumo yee-particles emi eyenzeka ndawonye kuzo zonke ii-liquids kwanakwii- gases.ezi particles ziyabula zigqibe yonke indawo ekwesi sitya zide ziman'ukungqubana. I-diffusion ingasebenza kwii-gases nakwii-liquids. Nantsi inxalenye yemizekelo ye-diffusion:

  • umcu weswekile ushiywe kwikomityi yamanzi ixesha elide. 
  • Ivumba le-ammonia lithe saa ukusuka entla kwigumbi lokufundela ukuya phaya emva. 
  • Ivumba elimnandi lesiqholo livakala kakhulu lisuka kwibhotile yesiqholo xa kususwe isiciko sayo. 
  • Ukutya okumbejembeje okufakwe kwisitya kuthi saa kweso sitya. 

Ii-Molecules zithanda ukuhamba zisuka kwindawo apho zisuka okanye zininzi khona ezo ndawo ke sithi zii-high places concentration, ziye kwiindawo ezingekho kuzo nekuthiwa zii-low places of concentration, ngokuzihambela nje kwazo zingalawulwa nto. Umzekelo, kukho i-oxygen ethe chatha emphungeni xa kuthelekiswa naleyo isegazini, ngoko ke ii-molecules ze-oxygen ziyakuthanda ukuhamba zisiya egazini. Ngokunjalo, zingaphezulu ii-molecules ze-carbon dioxide egazini xa kuthelekiswa nezo zisemphungeni, ngoko ke ii-molecules ze-carbon dioxide ziyakuthanda ukuhamba ziye kungena emphungeni.  .

Apho kukho ingxinano enkulu, ngenxa yokuyabula kwee-molecules ezingamanzi, ziyakuthanda ukuthi saa kuloo nto de zibe azisenako ukuhamba. 

Funda nanga amanye amaphepha[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "BBC - GCSE Bitesize: Diffusion". http://www.bbc.co.uk/schools/gcsebitesize/science/add_aqa_pre_2011/cells/cells3.shtml.