I-UNESCO

Livela

I-UNESCO  ngumbutho obizwa ngesiNgesi esigcweleyo ngelithi yi-United Nations Educational, Scientific and Cultural Organization (ngesiFrentshi: L'Organisation des Nations unies pour l’éducation, la science et la culture. Usisithunywa sombutho weZizwe eziManyeneyo ekuthiwa  ziZizwe eziManyeneyo.

I-UNESCO ithi injongo yayo, njengoko yayichaziwe nje emva kweFazwe yesi-II kwiHlabathi,  ku"kwakha ukhuleso loxolo kwiingqondo zamadoda nabantu basetyhini". Ikwenza oku ngokunceda izizwe ukuze zisebenze kunye, ngemfundo eyakuba yeyomntu wonke, inzululwazi, kunye nenkcubeko. Oku kuyakunceda ezinye izizwe zilandele umgaqo womthetho kunye nowamalungelo abantu. Kananjalo iyakunceda ukuphakamisa iintlobo zokukhululeka ezikumgaqo siseko wezizwe eziManyeneyo.[1]

I-UNESCO ine-195 lamazwe angamalungu. Kutsha nje yongeze iPalestine kweyomNga ngo-2011. Ngokuhambelana nePalestine, amanye amazwe asibhozo abe ngamalungu nawo.[2][3]

I-UNESCO izamile ukufezekisa into ebisoloko ifuna ukuyenza ngeenkqubo ezintandathu:  imfundo, ninzululwazi ngezendalo, intlalo kunye nehuman sciences, inkcubeko, nothethwathwano kunye nolwazi. Eminye imisebenzi exhaswe ngu-UNESCO, kukufunda nokukubhala,  kunye neenkqubo zokuqeqesha iitishala. I-UNESCO isoloko isenza isigqibo sokokuba ngawaphi na amaziko anokuba ngawamasiko neNkcubeko yeHlabathi. IZiko leNkcubeko yeHlabathi yindawo ebalulekileyo,  enomtsalane ngokukodwa okanye entle.  Ukuba indawo iliZiko lesiko neNkcubeko, ayinakutshatyalaliswa,  kuba inganika ulwazi olunokusetyenziswa kwixa elizayo.  I-Uluru, umzekelo, inika ulwazi oluninzi ngesiko lama-Aborigines. I-UNESCO ikwalilungu leQela leZizwe eziManyeneyo elijongene nophuhliso.[4] kwaye isebenzeka i-Millennium Development Goals.

Amanye amaphepha amakafundwe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]