I-Onchocerciasis

From Wikipedia
Jump to: navigation, search
I-Onchocerciasis
I-OnchocerciasisEndala i-ye-black fly enesifunxi-gazi i-Onchocerca volvulus iphuma kwiimpondo zesinambuzane, yandisiwe 100x
Endala i-ye-black fly enesifunxi-gazi i-Onchocerca volvulus iphuma kwiimpondo zesinambuzane, yandisiwe 100x
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10 B73 B73
ICD/CIM-9 125.3 125.3
DiseasesDB 9218

I-Onchocerciasis, ikwaziwa njenge-river blindness ne-Robles disease, isisifo esibangelwa lusuleleko lwentshulube esisifunxi-gazi i-Onchocerca volvulus.[1] Iimpawu ziquka ukurhawuzelelwa ngamandla, iingongoma ezingaphantsi kwesikhumba, kunye nobumfama.[1] Ingunobangela wesibini oxhaphakileyo wobumfama obubangelwa sisifo esosulelayo, emva kwe-trachoma.[2]

Intshulube esisifunxi-gazi isasazwa ngokutyiwa yi-black fly yohlobo lwe-Simulium.[1] Ukutyiwa kaninzi kudla ngokwenzeka phambi kolosuleleko.[3] Ezi mpukane zihlala kufuphi nemilambo, kungeso sizathu le nto sibizwa ngeli gama esi sifo.[2] Zakuba ngaphakathi emntwini, iintshulube ziyila imibungu ethi iziyele esikhumbeni.[1] Apha zingosulela i-black fly elandelayo ethi ilume umntu.[1] Kukho iindlela ezininzi zokwenza uxilongo eziquka: ukubekwa zesikhumba kwi-placing kovavanyo lwezicwili zesikhumba kwi- normal saline kunye nokujongwa kokuphuma kombungu, ukujongwa elihlweni lemibungu, kunye nokujongwa ngaphakathi kweengongoma eziphantsi kwesikhumba zeentshulube ezindala.[4]

Alukho ugonyo oluchaseneyo nesi sifo.[1] Uthintelo lungokubaleka ukubethwa ziimpukane.[5] Oku kungaquka ukusetyenziswa kweyeza lokugxotha izinambuzane kunye nesinxibo esifanelekileyo.[5] Amanye amalinge aquka lawo okunciphisa isininzi seempukane ngokufefeza izibulala-zinambuzane.[1] Asaqhubeka amalinge okuphelisa isifo ngokunyanga onke amaqela abantu kabini ngonyaka kuthotho lweendawo zasehlabathini.[1] Unyango lwabo bosulelweyo lungechiza eliyi-ivermectin rhoqo ukusuka kwiinyanga ezintandathu ukuya kwezilishumi elinambini.[1][6] Olu nyango luyawubulala umbungu kodwa alikwazi ukwenza njalo kwiintshulube ezindala.[7] Ichiza eliyi- doxycycline, elibulala intsholongwane eyi-associated ekuthiwa yi-Wolbachia, ibonakala izithomalalisa iintshulube kwaye iyanconywa ngabanye kananjalo.[7] Ukususwa kweengongoma ezingaphantsi kwesikhumba ngotyando nalo lungenziwa.[6]

Ngabantu abamalunga nezigidi ezili-17 ukuya kwezingama-25 abosulelwe yi-river blindness, nabasondele kwisigidi se-0.8 abanentwana ethile yokulahlekelwa kukubona.[3][7] Inkoliso yokosuleleka okuninzi yenzeka kwiAfrika engaphantsi kweSahara, nangona nezinye iimeko zixeliwe eYemen nakwiindawo ezimbalwa ezikukuMbindi nakuMzantsi weMelika.[1] Ngo-1915, ugqirha uRodolfo Robles waqala ukumanyanisa le ntshulube nesifo samehlo.[8] Sikwadweliswe yi-World Health Organization njengesifo setropiki esingahoywanga.[9]

Iireferensi[tshintsha | edit source]

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 1.5 1.6 1.7 1.8 1.9 "Onchocerciasis Fact sheet N°374". World Health Organization. March 2014. http://www.who.int/mediacentre/factsheets/fs374/en/. Retrieved 20 March 2014.
  2. 2.0 2.1 "Onchocerciasis (also known as River Blindness)". Parasites. CDC. May 21, 2013. http://www.cdc.gov/parasites/onchocerciasis/. Retrieved 20 March 2014.
  3. 3.0 3.1 "Parasites – Onchocerciasis (also known as River Blindness) Epidemiology & Risk Factors". CDC. May 21, 2013. http://www.cdc.gov/parasites/onchocerciasis/epi.html. Retrieved 20 March 2014.
  4. "Onchocerciasis (also known as River Blindness) Diagnosis". Parasites. CDC. May 21, 2013. http://www.cdc.gov/parasites/onchocerciasis/diagnosis.html. Retrieved 20 March 2014.
  5. 5.0 5.1 "Onchocerciasis (also known as River Blindness) Prevention & Control". Parasites. CDC. May 21, 2013. http://www.cdc.gov/parasites/onchocerciasis/prevent.html. Retrieved 20 March 2014.
  6. 6.0 6.1 Murray, Patrick (2013) Medical microbiology (7th ed.) Philadelphia: Elsevier Saunders p. 792 ISBN 9780323086929 
  7. 7.0 7.1 7.2 Brunette, Gary W. (2011) CDC Health Information for International Travel 2012 : The Yellow Book Oxford University Press p. 258 ISBN 9780199830367 
  8. Lok, James B.; Walker, Edward D.; Scoles, Glen A. (2004) "9. Filariasis" in Eldridge, Bruce F.; Edman, John D.; Edman, J. Medical entomology (Revised ed.) Dordrecht: Kluwer Academic p. 301 ISBN 9781402017940 
  9. Reddy M, Gill SS, Kalkar SR, Wu W, Anderson PJ, Rochon PA (October 2007) "Oral drug therapy for multiple neglected tropical diseases: a systematic review" JAMA 298 (16): 1911–24 PMID 17954542 doi:10.1001/jama.298.16.1911