I-Autism

Livela
Inkwenkwana enesifo se-autism ibekelela iinkonkxa, enye phezu kwenye ukubheka phezulu.

I-Autism kukukhubazeka ngokwasemphefumlweni, nto leyo echaphazela ubomi bomntu. Oku kusilela kubonakaliswa ziimpawu zokurhoxa komntu okanye umntwana ekudibaneni nabanye abantu. Atsho ke ngoku abe yinkomo edla yodwa. Aphinde aphinda-phinde yonke into ayenzayo, abengumntu oloyikayo utshintsho olwenzekayo kwizinto ezimngqongileyo nasekuhlaleni.

Ukukhubazeka ngokwasemphefumlweni kuchaphazela ukusebenza kobuchopho ukuze bungakwazi ukwamkela nokuphonononga ulwazi ekufuneka luhlalutyiwe yingqondo. Abantu abanale Autism bafumana kunzima ukusebenza ngendlela efanelekileyo abanye abantu abacinga ngayo. Bafumana kunzima ukuvula izifuba zabo bezivulela kwabanye abantu. Ngamanye amazwi kunzima kubo ukuthetha nabanye abantu, bafumane kunzima ukujonga abanye abantu kwaye abathandi kwaphela ukuphathwa ngezandla ngabanye abantu. umntu okhubazeke ngolu hlobo ubangumntu yedwa, nothanda ukuthetha yedwa, azonwabise eyedwa, ehle esenyuka, asuke ke ngoku ahleke yedwa kwizinto azingayo eyedwa. Umntu onje ke akalufuni nokulubona utshintsho, kuye nje makungatshintshi kwanto ekuhlaleni, nakwizinto ezimngqongileyo. Ubukhulu becala abantwana abakhubazeke ngolu hlobo bafumana kunzima kakhulu ukufunda into entsha enje ngokuya ngasese nokuya esikolweni.