EGeneva

Livela

IGeneva sisixeko sesibini ngobukhulu kwilizwe laseSwitzerland. YiZürich kuphela enkulu kunaso. IGeneva sesona sixeko sikhulu eRomandy (indawo yabantu abantetho isisiFrentshi eSwitzerland).

Sizinze kanye apho kukho umlambo iRhône iLake yaseGeneva (isiFrench iLac Léman) kwaye sikwangundlunkulu iRepublic nesixeko saseGeneva.

Mininzi imibutho yehlabathi eGeneva, kunye noondlunkulu babathunywa bezizwe ezimanyeneyo neyoMnqamlezo Obomvu.[1] Kuphando lwango-2007 kwafumaniseka okokuba iGeneva sisixeko sesibini esikumgangatho ophakamileyo ngokwentlalo nangendlela ekuphilwa ngayo kwihlabathi jikelele (isogqithwa ngokucacileyo yiZürich kuphela).[2]

Ngokwezizwe, iGeneva yayanyaniswa ngokumandla nezivumelwano zaseGeneva.

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Khawuyijonge ke nantsi iGeneva

Kwaqalwa ukubhalwa ngeGeneva mhla kwakuthethwa ngomda wayo wedolophu, nowawenzelwe ukukhusela ubukumkani bamaRoma ukuze ingahlaselwa yiHelvetii. AmaRoma asithabathela kuso esi sixeko ngo-120 B.C. Ngo-A.D. 443 soxuthwa yiBurgundy, yaza yawela ezandleni zeFranks ngo-534. Ngo-888 le dolophu yaba yinxalenye yobuKumkani baseBurgundy, yaza yathi yakuba lapha yathatyathwa ngo-1033 bubuKumakani baseJamani.

Ukusukela ngo-1154 oobhishobhu baseGeneva babamba isikhundla sokuba ziinkosi zobuKumkani baseRoma engwele okokoko kwango-1154, kodwa iinkosi zaseGeneva kwaza kamva kwaziinkosi zaseSavoy babe"ngabameli", basoloko belungele ukuluthathela kuye ulawulo looBhishobhu. Ngo-1290 iinkosi zaseSavoy zafumana ilungelo lokuchonga isekela-ntloko(isandla sentloko elawulayo) yolawulo, isihloko esithi iVidame yaseGeneva sathi sanikezelwa kusapho lenkosi uFrançois de Candie weChambéry-Le-Vieux inkosikasi elawula eSavoy. Isekela-ntloko linobunganga obuthile kule dolophu.

  1. "36 Hours in Geneva" The New York Times retrieved 2008-02-02 
  2. Mercer Human Resource Consulting World-wide quality of living survey. London, 2 April 2007. Retrieved 13 January 2008.